Ufunyenwe omnye wabarhanelwa ebefunwa ziiHawks.

By Nyameka Lamani.

UNeliswa Nofilita oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala uye wakhangelwa kwiPhondo laseMntla Ntshona ngoLwesibini, umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyoMsintsi 2025, oku kulandela iminyaka ebalekile emva kokuqhatha abeNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (SARS) imali engaphaya kwe-R1.5 yezigidi zeerandi.

Ngoku uzakuthuthwa asiwe eMonti ukuze avele kwinkundla kamantyi ngoMvulo.

Isithethi seHawks uLieutenant-Colonel Avele Fumba uthe uNofilita wabanjwa okokuqala ngeyoMdumba ka 2021 ngamatyala amathandathu (6) obuqhophololo kunye nokwaphula umthetho wolawulo lwerhafu.

Utyholwa ukuba wenza amabango obuxoki kwa-SARS ngo-2014 nango-2015, esenza ngathi akarhwebi kwaye akazange ayiqokelele iRhafu yeXabiso (VAT).

Uphando kamva lwabonisa ukuba wayerhweba ngokukhutheleyo, waqokelela i-VAT, kwaye wasilela ukuhlawula uSARS, eshiya ugunyaziwe werhafu epokothweni ngaphezu kwe-R1.5 yezigidi.

Emva kokuvela kwakhe enkundleni okokuqala, uNofilita wabaleka wahlala iminyaka eyimbacu, engahoyi izibheno zokuba anikezele kwaye ebaleka iinzame eziphindaphindiweyo zokumfumana.

Ngenyanga yoKwindla, iiHawks zakhupha ingxelo kumajelo eendaba beqinisa ugqogqo kwaye bebongoza uluntu ukuba luncedise ekumlandeleni.

Ngelo xesha, abasemagunyeni badiza ukuba wayekhe wadityaniswa nomcimbi wobuqhophololo be-Road Accident Fund.

UFumba uthe ngokusebenzisana noSARS kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), iqela laseMonti lilandele yonke imigudu de kwafika inkcazelo ethe yakhokelela ekubeni abanjwe.

Intloko yeeHawks ephondweni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ukuncomile ukuzingisa kwabaphandi.

“Oku kubanjwa kuthumela umyalezo ocacileyo: ungabaleka, kodwa awunakuzimela. Nokuba kuthatha ixesha elingakanani, iiHawks ziyakulandelela,” utshilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA