Unozakuzaku uNathi Mthethwa uzakufumana umngcwabo kaRhulumente Osesikweni.
UMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba ongasekhoyo unozakuzaku u-Emmanuel Nkosinathi “Nathi” Mthethwa uzakuwongwa ngoMngcwabo oKhethekileyo oseSikweni weCandelo lesibini (2) KwaMbonambi, KwaZulu-Natal, ngeCawa, umhla weshumi elinambini (12) kweyeDwarha 2025.
Unozakuzaku uMthethwa,nobesebenza njengeNtloko yeMishini yoMzantsi Afrika eParis, eFrance, wasweleka kwikomkhulu laseFransi ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoMsintsi 2025, eneminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo (58) ubudala.
Kutyholwa ukuba wasweleka ngokuzibulala emva kokutsiba kwihotele yaseParis, nangona kunjalo, uphando lwamapolisa lusaqhubeka ukufumanisa iinyani malunga nokusweleka kwakhe.
Waqeshwa njengoNozakuzaku eFransi kweyoMnga 2023, emva kokusebenza kwiKhabhinethi iminyaka elishumi elinantlanu (15) kwizikhundla zemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko; Amapolisa, kunye noKhuseleko.
uMongameli Ramaphosa uphinde amazwi ovelwano olunzulu kwinkosikazi kaMthethwa, uNksz Philisiwe Buthelezi, kunye nosapho lwakwaMthethwa nolwakwaButhelezi.
ICandelo lesi-2 loMngcwabo osesikweni eliKhethekileyo elibhengezwe nguMongameli Ramaphosa liza kubandakanya izithethe eziqhutywa yiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika. UMongameli ukwayalele ukuba iFlegi yeSizwe ithotywe ukusuka ngoLwesine, umhla wethoba (9) kweyeDwarha 2025, kude kube ngokuhlwa komngcwabo ngeCawa, umhla weshumi elinambini (12) kweyeDwarha 2025. Umzimba wakhe uza kunduluka eParis ukuya eMzantsi ngoLwesine ebusuku.