By Pumela Nginase
Ngenyanga yeKwindla 2023, uKhan wabanjwa kodwa wabaleka ngaphambi kokuba agwetywe. Emva konyaka, wafunyanwa ezimele eFrijini, apho wayehlala khona.
UPrishne Khan, oneminyaka engamashumi (37) ubudala, uvele kwiNkundla yamaTyala oRhwebo ePitoli ngoMvulo wesibini (02) kaSeptemba, apho agwetywe iminyaka elishumi (10). UKhan ufunyenwe ezimele kwifriji xa amapolisa eyomkumkhangela kwikhaya lakhe elitsha eNigel, eRhawutini, kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.
UKhan wayeqeshwe njengomgcini-zincwadi kwiManyano yeQakamba yaseMntla ukusuka ngo-Juni 2015 ukuya nge-18 kaJanuwari 2017. Imisebenzi yakhe yayiquka ukuhlawulwa kweentlawulo zababoneleli-nkonzo abohlukeneyo. Watshintsha iinkcukacha zebhanki kwii-invoyisi ezininzi, wafaka ezo zomyeni wakhe kunye nomzala wakhe ze wasebenzisa kakubi i-R350 000 kwiiveki ezintandathu ukusuka kuMeyi ukuya kuJuni ka-2016.
UKhan uye warhoxa njengomsebenzi kwiNortherns Cricket Union, uKhan waba ngumphathi wezemali kwi-Customer Loyalty. Consultants (PTY) Ltd ukusuka ngomhla wethoba (09) kweyoKwindla 2017 ukuya ku-30 Septemba 2017.
Ngexesha lokuqeshwa kwakhe, uKhan waphinda wasebenzisa iinkcukacha zebhanki zabathengi ukuze ahlawule kwiiakhawunti ezilawulwa ngumyeni wakhe nomzala wakhe. Izenzo zobuqhophololo zikaKhan ziye zacaca xa ibhanki ilumkisa abaNxibelelanisi beCustomer Loyalty malunga neentengiselwano ezikrokrelekayo. Uphando olwalandelayo ngamapolisa lwakhokelela ekubeni uKhan avele enkundleni okokuqala ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kuMeyi ka-2018.
ISithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eRhawutini uLumka Mahanjana uthe uKhan ugwetywe eminye iminyaka emine entolongweni ngobusela obuxabisa i-R350 000.
“Enkundleni, uKhan uwavumile amatyala ekwathi ukuziphatha kwakhe kakubi kungenxa yeengxaki zemali, esithi ebexakekele imali yezinto ezibalulekileyo eziquka ukuthengela umyeni wakhe imoto,” uthethe watsho uMahanjana.
UKhan wacela ububele ngelithi unoxanduva lwabantwana bakhe abathathu abaneminyaka eyi-6, 12 kunye ne-15, kwaye wakhankanya nokugula njengezizathu ezimxhasayo. UPulane Segalo, umtshutshisi uthe uKhan wenze amatyala anzima, egxininisa ukuba uye wangcatsha ukuthenjwa ngabaqeshi bakhe ukuze kuzuze yena.