UMfesane Major Bhekizulu otyholwa ngokupheka iyelenqe lokubulala owayesakuba sisithandwa sakhe, ebevele enkundleni yamatyala eMthatha ngomhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi 2024.
UNamhla Mtwa, owayenimyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala, wadutyulwa izihlandlo ezilithoba edutyulwa ngumntu ongekaziwa ngexesha engena kwikhaya lakhe elise Sdwadwa eMthatha, oku kwenzeka ngomhla wamashumi amabini nanye kuTshazimpuzi 2022.
UNamhla wayengumsebenzi woMasipala waseO.R Tambo kwidolophu yaseMthatha, apha eMpuma Koloni. Le ndlela wabhubha ngayo uNamhla yadala isankxwe kumakhasi onxibelelwano nakuMzantsi Afrika jikelele.
Ngexesha evele enkundleni otyholwa ngokupheka iyelenqe lokubulala uNamhla, uBhekizulu Mfesane, odume ngoshishina eMthatha, uphekwe esophulwa ngexesha ebuzwa imibuzo kwinkundla kaMantyi eMthatha.
Lo kaBhekizulu uvakale ekhala ngomgangatho nendlela ebebuzwa ngayo imibuzo.
“Bandipheka bendophula ngemibuzo, noko inkundla mayindinqadele kwanele ngoku”, utshilo uBhekizulu.
Ucele inkundla ukuba imnike inceba ibuyise isantya inkundla ngendlela aphandwa ngayo.
Kuye kwanyanzeleka inkundla inqumame kancinci ngelinika ithuba umrhanelwa lo ukuba abhale i-Afidavithi achaze yonke into anqwenela ukuba yenzeke ngexesha lemibuzo.
Uzakubuyela enkundleni umrhanelwa ngomhla wamashumi amabini ananye kwekaCanzibe 2024.
By Siyakholwa Vuso

