Kubhengezwe imeko yentlekele kumasipala wengingqi yaseMbhashe, emva kwemvula ebimandla ngoLwesithathu ekhatshwa yimimoya ebhudla ngamandla, iindudumo kwakunye nemibane eshiye umkhondo wentshabalalo kuGatyane kuwadi 29, 24, 23 no21.
Iilali ezithe zachaphazeleka apho kwadilika izindlu, kukrazulwe uphahla, abantu bonzakala kunye nemfuyo kwadala umonakalo kwiziseko ezingundoqo eziquka iintambo zombane neepali ziquka :-
IWadi 21
Mpozolo noMsendo
IWadi 23
Khiqhashe, kuMgashe naseMhlahlane
IWadi 24
Shixini, Phathilizwe, Lower Gwadu, Mhlabulungile naseXotyeni
IWadi 29
Mevana
Ukanti EMevana, imozulu embi iye yamka nobomi bowasetyhini oneminyaka engama-29 ubudala obhubhe ngenxa yokwenzakala kwakhe emva kokudilika kwendlu yakhe. Kwakhona, ishiye abanye abathandathu bonzakele kakhulu kwaye bathuthelwe kwiziko lezempilo kuGatyane ngoLwesithathu ngoncedo oluvela kuluntu waza omnye wabo wagqithiselwa kwisibhedlele saseGcuwa.
USodolophu weSigqeba, uCeba uSamkelo Janda uthe iNtloko yeSebe lezoCwangciso noPhuhliso uCeba uNomvuyiseko Mgedezi ekhatshwa nguSomlomo weBhunga, uCllr Babalwa Majavu kunye noSabhokhwe uCllr Ludwe Mantshiyose kunye namagosa kamasipala batyelele iindawo ezichaphazelekayo neentsapho ngentsasa yangoLwesine.
“Amagosa axakekile esenza uphononongo lomonakalo apho iingxelo zokuqala ziza kubonisa umonakalo owenziweyo ukuze usiwe kumasebe achaphazelekayo ukuze iintsapho ezichaphazelekayo zinikwe uncedo. Okwangoku, iSebe lokuHlaliswa koLuntu ephondweni lixakekile liququzelela iziseko zexesha likaxakeka kwiintsapho ezishiyeke zidinga,” utshilo uSodolophu weSigqeba.
Ubongoza bonke abemi kunye namashishini ukuba bancedise amaxhoba ngokunikela ngokutya, iimpahla kunye nokuvula iingcango zabo ngelixa bekhangela enye indawo yokuhlala.
“Singumasipala, sithanda ukudlulisa uvelwano lwethu olungazenzisiyo kusapho nezihlobo zongasekhoyo kwaye sibanqwenelela ukuphila okukhawulezileyo abonzakeleyo,” ucacise watsho uSodolophu weSigqeba.
Esithi Abo bangakhange bawuxele umonakalo wabo bayacetyiswa ukuba bafake iingxelo zabo kooceba babo.

