Kudutyulwe kwabulawa oonoteksi abathathu eSajonisi

Kudutyulwe oonoteksi abathathu ngenjikalanga yangoLwesithathu ePort St Johns eMpuma Koloni. Kutyholwa ukuba oombayimbayi abangaziwayo baqweqwedise iteksi baza baxhwila umqhubi kunye nomncedisi wakhe. Abenzi bobubi kuthiwa babanyanzele ukuba bakhombe omnye wabanikazi beeteksi bambulala. Aba basebenzi beeteksi babini baxhwiliweyo nabo babulawa kwiiyure ezimbalwa emva koko.

Udushe lwamva nje lweeteksi lothuse uluntu. Kukholeleka ukuba ingxabano phakathi kwemibutho yeeteksi ezimbini, iBorder Taxi Alliance kunye no-Uncedo, malunga nendlela yaseMthabambalala, ngoyena nobangela woludushe.

Umqhubi nomncedisi wakhe babulawa, ngelixa umnini weteksi wadutyulwa wabulawa kwiBhulorho yaseMzimvubu. Ezinye iiteksi ezintathu nazo zatshiswa.

“Silishishini leeteksi sothukile ngesi senzo, besingalindelanga ukuba le nto yenzeke kwindawo yethu, ngoko sothukile, nabantu abakufutshane bothukile, abakhweli, wonke umntu olapha eSejonisi wothukile. . Sifuna uxolo kwaye sifuna abantu ababandakanyekayo koku, Umthetho mawuthathe indawo yawo,” utshilo uSakhiwo Lusiba, isithethi sePSJ Border Alliance Taxi Association.

Ukanti Abakhweli boyikela ubomi babo kwaye bacele ungenelelo olukhawulezileyo.

“Abantu bothukile kwaye sisothukile ngale nto yenzekileyo, asonwabanga, sixhalabile kakhulu ngale nto iqhubekayo. Akukho bantu edolophini kuba abantu abaqinisekanga ngokhuseleko lwabo,” utshilo umkhweli uThembisa Mangcwabane.

“Sisebenzisa iiteksi phantse yonke imihla, ngoku kukho udushe loonoteksi apha, ngenene asikhuselekanga. Singathanda ukuba urhulumente enze okuthile kuba akukho nto sinokuyenza, kodwa sinyanzelwa ukuba sisebenzise olu hlobo lwezothutho,” utshilo omnye umkhweli uOkuhle Ntingane.

Isebe lezothutho ephondweni livakalise ukudana kwalo malunga nokuqhambuka kodushe loonoteksi kwindlela yaseLusikisiki ukuya eSajonisi.

“Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni umnumzana Xolile Nqatha udlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo kwaye uhlaba ikhwelo kuye nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili ukuze babanjwa bagwebe abenzi bezi ziganeko zokubulala. Ukwadibanisa igqiza elizakuthi lijonge iingxaki ezikhokelele koku kubulawa kwabantu,” utshilo u-Unathi Binqose isithethi sesebe lezothutho ephondweni.

Kwenziwa ikhwelo lokuzola noxolo.

“Sibongoza wonke umntu ukuba azole kwaye aqinisekise ukuba uxolo luhlala lukhona kwindawo yethu kuba oku kuchaphazela amashishini ethu kwaye wonke umntu, abakhweli bethu, iintsapho nazo ziyachatshazelwa sesi sehlo,” utshilo uLusiba.

Kubekwe amapolisa ukujonga imeko kule ndawo. Iinzame zokufumana uluvo kuUncedo Taxi Association azikhange ziphumelele.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA