Home Iindaba UMbutho we-DA akavumelani nohlengahlengiso lwemali, e-NMB.

    UMbutho we-DA akavumelani nohlengahlengiso lwemali, e-NMB.

    UHlengahlengiso kuhlahlo lwabiwo-mali e-NMB lusenokuba lubonisa indlela echithwa ngayo kakubi imali ngoomasipala.

    Umfanekiso: USodolophu wase-NMB uBabalwa Lobishe, kwintetho yakhe, eMpuma Kapa.

    By Lilitha Phenduka.

    Ngokwengxelo kaMasipala wesiXeko saseNelson Mandela Bay, uSodolophu uBabalwa Lobishe uthe thaca uhlahlo lwabiwo-mali loHlengahlengiso loMasipala oMbaxa kunyaka-mali ka-2024/2025 kwintlanganiso yebhunga ekhethekileyo, ngoMvulo.

    USodolophu uthe ubhalele umphathi wesixeko ukuba aqinisekise ulawulo lweziphumo ngokulibaziseka emva kokuba kuqeshwe igosa eliyintloko lezemali ekupheleni kukaJanuwari.

    Kwileta eya kumanejala obambeleyo wesixeko, uphawule imfuneko yolawulo lweziphumo njengoko umasipala ebeka emngciphekweni uluvo lophicotho-zincwadi olufanelekileyo oluvela kuMphicothi-zincwadi Jikelele.

    Kwintetho uLobishe uphawule amagqabantshintshi ohlahlo lwabiwo-mali, kuquka nenkxaso eqhubekayo yezigidi ezingamakhulu amathandathu (R600) kumakhaya angathathi ntweni ngoncedo lomgaqo-nkqubo wabantu abangathathi-ntweni.

    “Uhlahlo lwabiwo-mali lohlengahlengiso lukwabandakanya izibonelelo ezimbini zoncedo kwiintlekele ezizigidi ezingamashumi amahlanu anesithathu (R53m) kunye nezigidi ezingamashumi asibhozo anethoba (R89m) eziza kusetyenziselwa izicwangciso zexesha eliphakathi nelide ezinxulumene neentlekele zempuphuma, eKariega,” utshilo uLobishe.

    NgokukaLobishe, uhlahlo lwabiwo-mali lwenzelwe ukubeka phambili iinkqubo ebezingekaphunyezwa, okanye ezihambe kancinane ngenxa yezizathu ezahlukeneyo.

    Ukwaqaqambise ulwabiwo lohlahlo lwabiwo-mali olungaphezu kwezigidi ezingamashumi amabini anesibini (R22m) ukulungisa uhlaziyo lwentambo yombane eyi-132kV eSummerstrand emva kokuwa kweepali zombane kunyaka ophelileyo.

    Amaqela aphikisayo ngelo aphendule ngokugxeka imeko yesixeko kwaye ekhomba imeko embi yeendlela kunye nezibane, phakathi kweminye imiba, ephazamisa i-metro.

    UKhaya Blai ugxeke isixeko ngokungakhathaleli uluntu njengoko kungekho zibani ezitalatweni, amanzi engqongophala, iindlela zimbi.

    “USodolophu wethu uhamba ngomnyonyovu wemoto kodwa thina siyasokola ukufumana izidingo zethu, lo nto eveza ubuqhetseba kwakunye nokungahoyi.”

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks