Ixuthwe isemlonyeni intlaka kuBanyana ngethuba iSenegal ifaka inqaku lokulinganisa sele ihamba phambili iBanyana Banyana.
ISenegal idlale ngokulingana neqela loMzantsi iBanyana ngenqaku elinye macala (1-1) kumdlalo wobuhlobo eSenegal phezolo ngoMgqibelo umhla wokuqala (1) kweyeSilimela 2024. Iqale yafaka inqaku kuqala iBanyana Banyana yahamba phambili. Lo mdlalo wobuhlobo wamazwe ngamazwe wamanenekazi kwibhola ekhatywayo ubudlalelwa eStade Lat Dior, eSenegal.
Lamaqela mabini (2) ebedlala umdlalo wokuqala (1) kwimidlalo emibini (2), yomibini lemidlalo izakudlalelwa eSenegal. Ukhumbule ukuba iqela loMzantsi lamabhinqa belisanda kuphoxwa kumzamo wayo wokuzibekela indawo kwimidlalo yeOlimpiki ezayo, oku kwenzeke emva kokukhutshwa ngamagqiyazana aseNigeria.
Iqela likaDesree Ellis lizilolongela iitumente ezimbin i(2) zaseAfrika nezizakudlalwa kwiinyanga ezimbalwa ezizayo. IBanyana izakukhusela intshinga yayo yeWomen’s Africa Cup Of Nations (WAFCON) neCOSAFA Women’s Championship.
Kulomdlalo iSenegal ibizama, oko ihlasela kodwa phambi kokuba uSibulele Holweni aphose ithuba elihle nalapho engavunyelwanga ngumgcini zipali weSenegal. Isiqingatha sokuqala siphele iliqanda macala (0-0). Emva kokungqubana kukaKarabo Dhlamini noKylin Swart kuye kwanyanzeleka iqela likaEllis lenze utshintsho olunyanzelekileyo ngokufaka uAsanda Hadebe.
UKhady Faye ude wanikezela emva kokuba uNthabiseng Majiya efaka inqaku kumzuzu wamashumi amathandathu anesixhenxe (67) yatsho yahamba phambili iBanyana ngenqaku elinye kwiqanda (1-0). UMbayang Sow uye waliphelisa ithemba leBafana lokuphumelela umdlalo ngethuba efaka isohlwayo (penalthi) phambi kokuphela kwexesha lomdlalo.
Umdlalo olandelayo walamaqela mabini uzakudlalwa ngolwesibini umhla wesine (4) kule imiyo yeSilimela 2024 kwaseSenegal.
By Siphiwo Boqwana

