IMVULA INETHA NGAMANDLA EMPUMA KOLONI.

Emveni kwesilumkiso ebesikhutshwe yiNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS) ngoLwesihlanu malunga neemvula ezinkulu, iindawo ezithile eMpuma Koloni zichaphazelwe kakubi zizikhukula.

UMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli uZolile Williams, uthe amagosa akhe akwindawo ezichaphazelekayo kwaye iindlela zigcwele amanzi kumasipala waseBCMM naseNelson Mandela.

Wongeza ngelithi, inkqubo yokucocwa nokuvulela amanzi ahambe kakuhle kuyenziwa kwezinye iindlela ezinkulu zaseBCM.

Ngenxa yemo yezulu kweliphondo, iindlela ezithe zachaphazeleka kakhulu ziquka iindlela zaseTinarha naseGreenbushes:

* Stock kunye noDaniel Pienaar
* Algoa Rd.
* Cuyler Str
* North kunye neGraaf Reinet
* Vanderick kunye neTaylor.
* Victoria ukubheka eCaledon
*⁠⁠⁠Indlela iMatanzima – KwanoBuhle iwile kwaye ivaliwe.

EBlue Horizon Bay, indlela izele ngamanzi kwaye akuhambeki.

Kusenjalo, ezi zikhukula zibenegalelo elibi eluntwini:

Kuhlangulwe abantu abayi-65 kwizikhukula.
Kwabhengezwa ababini abathe babhubha.
Ababini bachazwa njengaba lahlekileyo.

Iinkonzo ezingxamisekileyo bezisebenza ubusuku bonke kwaye zisasebenza zikhangela ukunceda abantu abachatshazelwe zizikhukula.

“Sithumela amazwi ovelwano kwiintsapho eziswelekelweyo,” utshilo uMphathiswa uWilliams.

Uthe amagosa eZiko loLawulo lweeNtlekele kwiPhondo (PDMC) ayibeke esweni le meko njengoko imozulu yemvula kulindeleke ukuba iqhube kude kube ngoMvulo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA