11 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

UMlawuli weNkampani ugwetyelwe ubuqhophololo be-UIF.

ULuyanda Brian Vava (34) ufunyenwe enetyala yinkundla yezoRhwebo eMonti ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeDwarha ngokwenza amatyala asixhenxe obuqhophololo.

UVava, obengumlawuli weWidelink Technologies, utyholwa ngokuqhatha i-UIF imali engaphaya kwamakhulu amathathu amawaka (R300 000) eerandi.

Esi sehlo senzeke ngo-2020 ngexesha lokuvalwa komsebenzi ngethuba kucetyiswa abaqeshi ukuba baqhubeke nokubahlawula abasebenzi babo baze emva koko bafake izicelo ze-Covid-19 Temporary Employer Relief Scheme.

UVava uye wafaka ibango kwi-UIF ngokungekho mthethweni egameni labasebenzi bakhe esebenzisa le nkampani, nangona abasebenzi beqinisekisile ukuba abafumananga mali.

Oku kubangele uphando olwenziwa yiSIU, nto leyo eyakhokelela ekubeni uVava agwetywe ukuba ahlawule imali engamakhulu amane anamashumi amahlanu amawaka eerandi okanye agwetywe iminyaka emithathu entolongweni.

Ukongeza, iqumrhu lakhe layalelwa ukuba lihlawule i-R450,000, ethe yanqunyanyiswa iminyaka emithathu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11 ° C
11 °
11 °
81 %
1.3kmh
99 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks