U-Advocate Muzi Sikhakhane utyhola unobhala weNkundla ePhakamileyo ngokushiya ngabom imiyalezo ayithumele kumongameli weJaji yaseMpuma Kapa, uSelby Mbenenge.
USikhakhane utyhola ngelithi uAndiswa Mengo uye waveza ubungqina obulahlekisayo ngabom enkundleni ngokungangenisi iimpendulo zakhe kwizityholo zokuncwaswa ngumongameli wejaji.
UMengo uye wafaka isikhalazo kwijaji ephezulu, eyityhola ngokwenza iintlobano zesini ezingafunekiyo ngakuye. Wayengumsebenzi omncinci kwicandelo ngelo xesha. Ukuba ijaji ifunyaniswa inetyala lokuziphatha kakubi ngokugqithisileyo, inokugxothwa.
“Ingaba uyavumelana nam ukuba umntu ongenanyani ulixoki?”
Lo ngumbuzo uSikhakhane awubuze uMengo phambi kwe-Judicial Conduct Tribunal ejongene nokuphanda ngamabango awenzileyo ngakuMbenenge.
USikhakhane uhambise ngelithi uMengo uphinde wayiphendula imiyalezo ethunyelwe nguMbenenge kodwa walushiya ngabom olu lwazi kwingxelo yakhe.
“Awubhalanga apha ukuba ngamanye amaxesha ukholwa kukuba ingafakwa yonke. Enyanisweni, asazi xa sifunda apha ukuba ngamanye amaxesha awukholwa yintlobo ethile yezesondo kodwa ayathanda ukumangazwa. Enyanisweni, awubhali ukuba kwezi ngxoxo, uluvo lokumiselwa kwabasetyhini njengezitovu zokufudumeza amadoda uvela kuwe.”
USikhakhane umi ngelithi uMengo ungenise ulwazi olulahlekisayo ngabom ngelizama ukuzikhulula kwiingxoxo.
“Nawe uye wathumela imiyalezo eyolisayo. Ingaba sikho isizathu sokuba ufihle ezo ngxelo zentetho eziyolisayo ukuba zisuka kuwe? Ingaba ndingayibeka kuni into yokuba isizathu kukuba ubungafuni ukuba abo babemisela isigqeba baveze ukuba nawe uthumele izinto ezilizothe? ”
Wongeze ukuba uMengo akazange ayikhankanye imiyalezo yokuzibonakalisa njengomntu omsulwa.