UMsebenzi kaMasipala utyholwa ngokusebenza kunye nomnakwabo kunye nesoka lakhe bexhaphaza umasipala izigidi ezibini (R2 million) zeerandi.

ISebe loPhando ngoBugebenga (OoKhetshe) libambe uSibabalwe Mgangatho oneminyaka engamashumi amane (40) ubudala nomntakwabo u-Ongezwa Mngangatho oneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) kwakunye nesoka lakhe ngelo xesha, uSiniko Sinethemba Novukela oneminyaka engamashumi amane ananye (41).

Esi sithathu sijongene nezityholo zobuqhophololo kunye nokuxhaphaza imali ngokungekho mthethweni.

Isithethi sooKhetshe eMpuma Kapa uLieutenant Colonel Avele Fumba uthi uMgangatho uqeshwe njengeGosa leNkcitho ye-Akhawunti kumasipala waseMzimvubu.

Ngokwengxelo yeeHawks, olu rhwaphilizo lwenzeke phakathi konyaka ka-2013 no-2017.

“Uphando ludize ukuba uMgangatho utyholwa ngokuxhaphaza isikhundla sakhe ngokuxhaphaza imali kamasipala. Ubenoxanduva lokulungisa iivawutsha, ukufaka iintlawulo, kunye nokuthatha iinkcukacha zababoneleli ngenkonzo kwinkqubo kamasipala yeMunsoft.”

UFumba uthi uSibabalwe uye wasebenzisana nomntakwabo, u-Ongezwa, owayesebenza ngemali e-Steady Service Station.

“U-Ongezwa kuthiwa wafumana imali yobuqhophololo esuka kwiakhawunti kamasipala, zaza zathunyelwa kwiakhawunti kadade wabo uSibabalwe.

OoKhetshe bathi olunye uphando ludize ukuba uSibabalwe utyholwa ngokuba wenze iyelenqe nowayengumfana wakhe uNovukela ngelokufumana iintlawulo njengababoneleli beenkonzo zomgunyathi.

UNovukela ngumnikazi we-Lilitha Communication and Construction (Pty) Ltd.

Iimali zaphinda zafakwa kwiakhawunti kaSibabalwe.

“Uphando lweeHawks luphinde lwafumanisa ukuba uSibabalwe ngokungekho semthethweni nangabom ukuba weenza iintengiselwano ezingamashumi amane anesibhozo (48) zobuqhophololo kwaye wathatha izigidi ezimbini (R2m) zeerandi kumasipala.

Bobathathu abatyholwa bavele phambi kweNkundla yamaTyala yezoRhwebo baza banikwa ibheyile yamawaka amahlanu eerandi umntu emnye.

Lo mba uza kubuyela enkundleni ngomhla wesithathu (03) kweyoMdumba 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA