23.4 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko uvakalise uvelwano ngakusapho oluswelekelweyo, eDucats

By Anita Qubula

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha ukuvakalise izimvo zakhe kunye novelwano lwakhe kusapho olusentlungwini lomhambi ngeenyawo oneminyaka engamashumi amane anesine (43) ubudala otshayiswe wabhubha yimoto eDucats, eMonti, kumasipala ombaxa waseBuffalo City ekuqaleni kwemini izolo, 20 kweyoMqungu 2025.

Ngokwengxelo yamapolisa, esi sehlo senzeke emva kokuba umqhubi wemoto yabucala ekhwelise umkhweli osuka eMonti esiya eKomani. Nangona kunjalo, xa umqhubi wemoto yabucala esondela ku-N6 esingise eQueenstown, uye waqaphela iimoto ezimbini ezimhlophe zohlobo lakwa-Suzuki Etigo ecaleni kwendlela uN6. Ezi moto zimbini ziye zamleqa, uthe xa efika eDucats South, enye iSuziki Etigo yabe imvalele indlela uN6.

Emva kokuzama ukubaleka, uyewatshayisa umntu ebehamba ngenyawo. Lo mntu ubhubhele kwindawo yexhwayelo ngenxa yokonzakala. Iimoto ezintathu zakwa-Suzuki Etigo zabaleka kwindawo yexhwayelo zingamisanga.

Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe kwisikhululo samapolisa eBeacon Bay. Umphathiswa uNqatha ukhuphe isilumkiso kushishino lweeteksi ukuba lohlukane nokwenza esi senzo singekho mthethweni kuba siza kuba neziphumo ezibi hayi kolu shishino kuphela kodwa kuluntu ngokubanzi.

UMphathiswa uNqatha uthe, ukhathazeke kakhulu sesi sehlo senzeke eDucats, eMonti. Egameni lorhulumente wephondo, uthanda ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lomfi.

UMphathiswa uNqatha uza kundwendwela ikhaya lomfi ngexesha elifanelekileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
38 %
5kmh
48 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks