UMapisa-Nqakula utyholwa ngokufumana izinyobo ezixabisa iR4.5 yezigidi zeerandi kwikontraka yezokhuselo ngethuba ebengumphathiswa wezokhuseleko.
UMbuso uthi wenze ngokwenjongo yezobulungisa ngokuvuma ukunika amaxwebhu obukade uwabiza “njengayimfihlo” kumagqwetha owayesakuba ngumphathiswa uNosiviwe Mapisa-Nqakula.
UMapisa-Nqakula utyholwa ngokufuna nokufumana izinyobo ezixabisa iR4.5 yezigidi zeerandi kwikontraka yezokhuselo ngethuba ebengumphathiswa wezokhuseleko.
Uvele kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli ngoMvulo ngesicelo sakhe sokuba uMbuso udize iinkcukacha ezithe vetshe ngetyala lakhe.
Phakathi kwamaxwebhu acelwa nguMapisa-Nqakula yidayari kunye nencwadana yegosa lophando.
Ukwajonge imbalelwano phakathi kwegosa eliphandayo kunye nomtshutshisi kwityala lakhe.
Amagqwetha akhe akwafuna ukuba kuvulwe idokhethi yomkhosi ngokuchasene nengqina loMbuso uNombasa Ntsondwa-Ndhlovu.
UMbuso uqale wakuchasa ukubhengeza oku, usithi la maxwebhu ayimfihlo kwaye akasayi kusetyenziswa ngexesha letyala.
Isithethi seCandelo loPhando oluChasene noRhwaphilizo (IDAC), uHenry Mamothame, uthi uMbuso uthathe isigqibo sokuchasa izicelo zikaMapisa-Nqakula.
“[I-IDAC] igqibe ekubeni ilandele le ndlela yokuba nengxoxo engqukuva ngomdla wobulungisa, kunye neenzame ezinyanisekileyo zokucutha iinyani ekuthethwa ngazo kwaye ihoye ityala ngokukhawuleza.”
Lo mba ubuyela enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoKwindla 2025.

