Umthi ugotywa uselula.
Elo liphulo elihle nelizama ukukhawulelana neengxaki ezijongene nesikolo samabanga aphantsi iBangiso, nezinze kwelakulowo wayesakuba nguMongameli weli uThabo Mbeki iNgcingwane. Eliphulo nebeliququzelelwa yiKumkanikazi yamaXhosa uNonzuzo Sigcau waseNqadu ukuzama ukukhuthaza ootitshala nabafundi ukuba benze ngcono ingakumbi xa unyaka uphela.
Kwiveki ephelileyo iKumkanikazi ibityelele esisikolo, kumsitho apho bekusithiwa ndlela-ntle kootitshala ababini nababethatha umhlala phantsi uMiss P Luningo kunye Mrs N Manqina. Ababafundisi ntsapho babeke phantsi iintambo kulonyaka ka2022, kodwa nangona kunjalo isikolo asivumanga ukungenzi mbulelo kubo ngomsebenzi omhle abawenzileyo.
Ngethuba sincokola neNqununu yesikolo uMrs NA Mbukuqu, isichazele isithi bekungekho lula kwa ukwenza umsitho ongaka kuba iintsiba abanazo, kangangokuba kuye kwanyanzeleka ukuba bakrwece abazali babantwana bakhiphe oko banako. Ukwathe ubunzima abajongana nabo, bukhona nasesikolweni, eyenza kubenzima kwa ukuthenga imibala yokubhala ebhodini be bancame basebenzise umzizi ukubhala.
Utyelelo lweKumkanikazi kubanike ithemba kwaye babona izinto zinako ukutshintsha kwesisikolo. Ikumkanikazi ifike yancedisa ukunikeza izipho kubantwana notitshala ababefumene iindebe(trophy award) yokubawonga ngomsebenzi omhle abawenzayo.
Ukanti uye wandula ukutyala nomthi womnquma nosisikhumbuzo ngolusuku lungaka. Kaloku imbali yalomthi ivela mandulo, apho iiKumkani zakudala zazibamba iintlanganiso phantsi komthi wonquma, kambe kuthandazwa phantsi kwawo xa kucelwa imvula kuQamata.
Umtu ngumtu ngabantu.







