Ubomi bunzima kwaye abukholula kwaphela, kodwa nangona kunjalo uThembakazi Zizikazi Sikhundla ukwazile ukuyitshintsha impilo yakhe phantsi kweemeko ezinzima.
Igama uLa-Tesh lisuka kwinto yokuba eligqiyazana lalisoloko linxiba kakuhle kwaye ethanda nemidlalo yeqonga. UThembazai Sikhundla uzalelwe wakhulela kuCentane kodwa ngokokuhlala useMonti, esenza ishishini lempahla. Kwelinye icala ugqibezela izifundo zakhe zobulimi kwiDyunivesity yaseFort Hare. ULa-Tesh ngethuba sinodliwano-ndlebe naye usibalisele ngendlela awaqala ngayo ishishini lokuthengisa impahla.
Uthi ngonyaka ka2015 waye waphumelela kukhuphiswano likaMiss Heritage kuMaspala iAmathole, nalapho kwakudume okanye kukho izityholo zokutyiwa kwemali, ingundaba-mlonyeno. Uthi oko kwamenza ukuba azame ukutshintsha oko nanjengoko ukuphumelela kwakhe kuloMaspala kwakusenza ixanduva kuba ebebonakala njengonozakuzaku akuphumelela. Ukwathe lonto yamnika nempiko zokuba akwazi ukujonganga nabantu ababesoloko bafuna iimpendulo.
Waqala ukwenza ishishini lakhe lempahla kodwa ezithengisa ngamakhasi ezonxibelelwano alemihla. UThembakazi uye waveza ukuba waye waqala ishishini lakhe ngemali awayinikwa nguMama wakhe engange R1500.
Uthi ukuzama ishishini akukho lula imicelimngeni ibikhona endleleni nanjengoko wayethe akuqala ishishini abantu bafuna ukuthatha ngetyala, wabona ukuba makaye kwiDyunivesity yase Walter Sisulu ayokondlala iimpahla zakhe kubanda kushushu, kulapho laye lahamba ishishini wakwazi nokuthenga ezinye izinto ezifane nee Ntente azibiza ngokuba zii La-Tesh Tents kwakunye nezitulo aqeshisa ngazo.
Kuhambile ngonyaka ka 2017 uye wafumana indawo eMonti nathe wathengisela kuyo iimpahla zakhe nalapho kwaye kwanyanzeleka avale ishishini ngenxa yokungavisisani kwakhe nabantu bokufika awayeqeshe kubo ngethuba iLizwe laliphantsi kwemiqathango yeLock down.
ILa-Tesh yiAmbrella yezinto zonke uThembakazi azenzayo ngamashishini amahlanu afana ne La-Tesh Boautique, iLa-Tesh traveling tour’s, iLa-Tesh Farming, La-Tesh gift and hampers kwakunye ne La-Tesh Events. Umzekelo xa uyothenga iLokhwe usiyakuzimasa umsitho uyakwazi ukuthenga I gift kwaku La-Tesh. Ngamanye amaxesha ufuna I Event, uLa-Tesh uyayenza ibeyimpumelelo. Ibeyi La-Tesh farm iyakwenzela ukutya xa ufuna I catering nayo.
Ingxelo: Zintle Madikane







