Home Iindaba UMzantsi Afrika ubonisa umanyano oluchasene nobundlobongela obusekwe kwisini ngokusebenzisa umfanekiso weprofayile emsobo(purple)

    UMzantsi Afrika ubonisa umanyano oluchasene nobundlobongela obusekwe kwisini ngokusebenzisa umfanekiso weprofayile emsobo(purple)

    By Nyameka Lamani

    Kugcwele imifanekiso yeprofayile emsobo(purple) kumakhasi onxibelelwano eMzantsi Afrika.Oku kusabela kwikhwelo leqela lamalungelo abasetyhini iWomen For Change lokubhengeza ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV) njengentlekele yesizwe.

    NgoLwesihlanu, umhla wamashumi amabini ananye(21)kweyeNkanga, abasetyhini baseMzantsi Afrika kunye namalungu oluntu lwe-LGBTQI+ bayacelwa ukuba bathathe inxaxheba kukuvalwa kwelizwe lonke ukuqhanqalaza ngokuchasene ne-GBV kunye nokubulawa kwabasetyhini. I-Women For Change iququzelela umboniso wokugxininisa imiphumo yentlalo kunye nezoqoqosho yabasetyhini abangekho kuluntu. Olu qhanqalazo luza kuqhubeka kusuku nje phambi kwengqungquthela yeenkokheli ze-G20.

    Lo mbutho ubongoza abasetyhini kunye nabantu be-LGBTQI+ kwilizwe liphela ukuba bangenzi naphi na iintlobo zemisebenzi, nokuba ihlawulwa okanye ayihlawulwa, kwiindawo zokusebenza, kwiidyunivesithi, nasemakhaya. Bakwakhuthaza abathathi-nxaxheba ukuba bangasebenzisi imali ngaloo mini ukubonisa impembelelo ebalulekileyo yokungabikho kwabasetyhini kuqoqosho kunye noluntu.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks