UJulius Malema unikwe imvume yokubhena kwisigwebo seminyaka emihlanu

Inkokeli ye-EFF uJulius Malema inikwe imvume yokubhena kwisigwebo sakhe seminyaka emihlanu (5) esinikwe kwinkundla yesithili sakuKuGompo ngentseni yangoLwesine umhla weshumi elinesithandathu (16) kuTshazimpunzi.

Isicelo sikaMalema sokubhena ngokuchasene nokugwetywa kwakhe, nangona kunjalo, saliwe ngumantyi uTwanet Olivier.

UMalema wafunyanwa enetyala ngenyanga yoMqungu lokukhupha umpu ngokungekho mthethweni ngexesha lemibhiyozo yeminyaka emihlanu (5) ye-EFF ngeyeKhala ka-2018, kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane eMpuma Koloni.

Kwindibano, uMalema wadubula umpu ozenzekelayo emoyeni. Inkokeli yeqela ingaphandle ngebheyile emva kokuba igwetywe iminyaka emihlanu.

Ufunyenwe enetyala ngamatyala amahlanu, kuquka ukuba nompu ngokungekho mthethweni kunye neembumbulu, ukukhupha umpu kwindawo eyakhiweyo kunye nokubeka ubomi esichengeni ngokungenankathalo.

Ngaphambili ngoLwesine ekuseni, uMalema ugwetywe iminyaka emihlanu entolongweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
24.4 ° C
24.4 °
24.4 °
61 %
4.8kmh
69 %
Thu
24 °
Fri
34 °
Sat
24 °
Sun
30 °
Mon
21 °

EZITHANDWAYO INDABA