By Nyameka Lamani
Ibanjiwe indoda eneminyaka engamashumi amabini(20) ubudala malunga nokudubula abantu abaninzi eWestbury okubangele ukubhubha kwabantwana ababini(2) abafikisayo kunye nokwenzakala kwabahlanu(5). Umrhanelwa wavalelwa ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anethoba kweyeDwarha, emva kokuba amalungu ecandelo elijongene nemigulukudu(Anti-gang unit) afumene intluva kwicandelo lezobunhloli(crime intelligence unit)kulwaphulo-mthetho malunga nendawo umrhanelwa akuyo.
Ngokokutsho kukaBrigadier Brenda Muridili, amapolisa athathe amanyathelo ze afumana umrhanelwa kwisikolo samabanga aphakamileyo eDiepkloof, nalapho athe wachongwa wabanjwa.
Uza kuvela kwiNkundla kaMantyi eRhawutini ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amathathu ananye(31) kweyeDwarha 2025. Uphando lusaqhuba nanjengoko amapolisa ezama ukufumana abanye abarhanelwa ababandakanyekayo kwesi sehlo.Kumaxhoba amahlanu enzakeleyo, ababini sele bekhululwe esibhedlele.

