18.9 C
King William's Town
Wednesday, January 7, 2026

Kubanjwe umgcini womntana eJeffrey’s Bay

Umgcini-mntwana (umfazi) oneminyaka engama-59 ubudala ubanjwe emva kokuba umntwana omncinci oneminyaka emibini ubudala (intombazana) efunyenwe enamanxeba avulekileyo eJeffreys Bay ngoSuku loNyaka oMtsha.

NgoLwesine, umhla wokuqalala-1 kweyoMqungu 2026, malunga nentsimbi ye-04h00, amapolisa abizelwa kwisikhalazo somntwana owonzakeleyo endlwini eseGovan Mbeki Street, eTokyo Sexwale, eJeffreys Bay. Kwindawo yesiganeko, amapolisa afumene intombazana eneminyaka emibini ubudala enamanxeba avulekileyo emzimbeni ongaphezulu. Akwaziwa ukuba ixhoba lifumene njani amanxeba, njengoko kuthiwa umgcini-mntwana wayephantsi kwempembelelo yotywala. Ixhoba lithathwe lasiwa esibhedlele, apho lalaliswa khona ukuze lifumane unyango.

Umrhanelwa oneminyaka engama-59 ubudala uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngoMvulo, umhla wesi-5 kweyoMqungu 2026, ejongene namatyala okungahoyi umntwana kunye nokuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa umzimba.

IKomishinala yePhondo ebambeleyo, uMajor General Thandiswa Kupiso, wothukile waza wavakalisa ukuxhalaba kwakhe, “Bekukhathaza kwaye kuyothusa, apho kwabekwa phambili ukuzonwabisa kunye notywala ngaphezu kokhuseleko lomntwana ongenakuzinceda. ICandelo loBundlobongela boSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulo-mthetho lweSondo liza kuqhuba uphando olupheleleyo, kunye nokubandakanyeka kweSebe loPhuhliso loLuntu,” uqukumbele watsho uMaj Gen Kupiso.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
18.9 ° C
18.9 °
18.9 °
78 %
5.6kmh
31 %
Wed
28 °
Thu
34 °
Fri
28 °
Sat
24 °
Sun
37 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks