IiHawks Zibambe Umrhanelwa Wesithathu  KwiTyala Lokubulawa Komtshutshisi eGqeberha

IiHawks zibambe umrhanelwa wesithathu kwityala lokubulawa komtshutshisi woluntu waseGqeberha, uTracy Brown (42), nto leyo ethathelwa ingqalelo njenge nyathelo elibalulekileyo kweli tyala.

Umrhanelwa oneminyaka eyi-33 ubudala ubanjwe ngoMgqibelo, umhla wama-20 kuDisemba ka-2025, kwindlela iN1 kitchenette neBloemfontein, emva kokulandelela ulwazi kumaphando ahlukeneyo.

Amapolisa akholelwa ukuba ebezama ukuphepha ukubanjwa ngokubaleka eMpuma Koloni. Abanye abarhanelwa ababini abanxulumene noku  kubulawa babanjwa ngoSeptemba yaye basahleli eluvalelweni.

UTracy Brown wabulawa ngo-Agasti ka-2025 kufutshane nekhaya lakhe eGqeberha. Ngexesha lokubanjwa kwakhe, umrhanelwa wafunyanwa  enee-Selula ezintathu, eziye zathathwa ukuze zisetyenziswe kuphando oluqhubekayo. Kukwafunyaniswe ukuba lo mrhanelwa ufunwa nakwityala lokuzama ukubulala elivulwe eKwaZakhele SAPS eGqeberha.

Umrhanelwa uyr wavela okokuqala phambi kweNkundla i-New Law Court eGqeberha namhlanje umhla we-24 kuDisemba ka-2025. Laza ityala lamiselwa umhla wesithathu(3) kwinyanga kaMarch kulonyaka uzayo.

Abaphathi beeHawks bamncome  umsebenzi omhle  wamapolisa ekuqinisekiseni ukuba umrhanelwa uyabanjwa aze angina nengalo yomthetho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA