26.2 C
King William's Town
Monday, January 19, 2026

Udutyulwe wabhubha ngamapolisa orhanelwa ngokuhendela ukudlwengula ngo-Facebook kuTsolo!

Indoda eneminyaka eyi-33 ubudala idutyulwe yabulawa ngamapolisa kwilali yaseMbutho, kuTsolo, ngorhatya lwangoLwesihlanu (16 January 2026), ngexesha amapolisa elandela umkhondo ngesiganeko sowaseyhyini obiweyo(Kidnapped).

Amapolisa athi ibhinqa elineminyaka eyi-24 lase Libode libike ukuba lirwetyeshwe ngokunga qondakaliyo ngobudlelwane bothando kumakhasi onxibelelwano ngumrhanelwa, ze layokudibana naye eMthatha baza bahamba kunye ukuya kuTsolo. Iingxelo zithi elibhinqa lifikile apho, laxhatshazwa ngokwesondo ngumthyolwa, kodwa wakwazi ukunxibelelana ngomnxeba wakhe ukuze acele uncedo.

Athe akufika amapolisa umrhanelwa wonda ngawo ephethe ibhozo, ze ke wadutyulwa wasweleka kwa oko.

Amapolisa aphanda umkhondo wokunxulumana okukrokrelekayo phakathi komrhanelwa nabasetyhini abathathu (3) abaneminyaka ephakathi kwe-25 ne-29, abaxelwa njengabalahlekileyo ku-Tsolo phakathi kukaDisemba ka-2025 noJanuwari ka-2026, apho kamva bathe bafunyanwa beswelekile kumhlaba wamasimi avulekileyo.

Uphando lokuqala oluqhutywa ngabakwa Ntsasana lubonisa ukuba umrhanelwa wayenxibelelane nabo bonke aba basetyhini balahlekileyo ngaphambi kokusweleka kwabo, nto leyo eqinisekiswe ziirekhodi zeefowuni zakhe (cellphone records).

Kuvulwe idokethi le-inquest, logama i-IPID iphanda ngokudutyulwa komrhanelwa ngamapolisa.

Ngexesha lopapasho lwengxeko Igama lomrhanelwa belingeka khululelwa ukukhutshwa ngokusesikweni ngabakwantsasana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
26.2 ° C
26.2 °
26.2 °
33 %
5.5kmh
2 %
Mon
26 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
34 °
Fri
28 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks