Indoda eneminyaka eyi-33 ubudala idutyulwe yabulawa ngamapolisa kwilali yaseMbutho, kuTsolo, ngorhatya lwangoLwesihlanu (16 January 2026), ngexesha amapolisa elandela umkhondo ngesiganeko sowaseyhyini obiweyo(Kidnapped).
Amapolisa athi ibhinqa elineminyaka eyi-24 lase Libode libike ukuba lirwetyeshwe ngokunga qondakaliyo ngobudlelwane bothando kumakhasi onxibelelwano ngumrhanelwa, ze layokudibana naye eMthatha baza bahamba kunye ukuya kuTsolo. Iingxelo zithi elibhinqa lifikile apho, laxhatshazwa ngokwesondo ngumthyolwa, kodwa wakwazi ukunxibelelana ngomnxeba wakhe ukuze acele uncedo.
Athe akufika amapolisa umrhanelwa wonda ngawo ephethe ibhozo, ze ke wadutyulwa wasweleka kwa oko.
Amapolisa aphanda umkhondo wokunxulumana okukrokrelekayo phakathi komrhanelwa nabasetyhini abathathu (3) abaneminyaka ephakathi kwe-25 ne-29, abaxelwa njengabalahlekileyo ku-Tsolo phakathi kukaDisemba ka-2025 noJanuwari ka-2026, apho kamva bathe bafunyanwa beswelekile kumhlaba wamasimi avulekileyo.
Uphando lokuqala oluqhutywa ngabakwa Ntsasana lubonisa ukuba umrhanelwa wayenxibelelane nabo bonke aba basetyhini balahlekileyo ngaphambi kokusweleka kwabo, nto leyo eqinisekiswe ziirekhodi zeefowuni zakhe (cellphone records).
Kuvulwe idokethi le-inquest, logama i-IPID iphanda ngokudutyulwa komrhanelwa ngamapolisa.
Ngexesha lopapasho lwengxeko Igama lomrhanelwa belingeka khululelwa ukukhutshwa ngokusesikweni ngabakwantsasana.

