By Nyameka Lamani
Anqunyanyisiwe amagosa amabini esebe lezeMfundo esisiseko (DBE) ngenxa yokuthutyeleziswa kwamaphepha eemviwo zebanga leshumi ePitoli.UMphathiswa wezeMfundo uSiviwe Gwarube ubhengeze esi sigqibo ngokukhawuleza emva kokuba kufunyaniswe olu lwaphulo-mthetho kwiinkqubo zokumakisha zesebe.
Oku kwaqatshelwa kuqala ngomhla wesibini(02) kweyoMnga ka 2025, xa abamakishi eRhawutini bafumana ukufana okungaqhelekanga kwiimpendulo ezinikwe ngabafundi kunye nezo zikwisikhokelo sokumakisha kwiphepha lesibini le-Silungu(English).
Uphando lakuqala lwaqinisekisa ukuba abafundi abangamashumi amabini anesithandathu(26) baye bafikelela kumaphepha eemviwo kunye nezikhokelo zokumakisha phambi kovavanyo. Umkhondo uye walandelelwa uyakufika kwi-ofisi ye-DBE kazwelonke,ubungqina babonisa ukuba impendulo zasasazwa ngesixhobo se-USB.Amagosa achaphazelekayo, omnye wawo ongumzali, wafumana izinto zokubhala iimviwo komnye ugxa wakhe kwicandelo leemviwo.
Iqela lesizwe lophando (i-NITT) lisekiwe ukuze liphande ngokucokisekileyo ukuthutyeleziswa kweemviwo ngelixa liqinisekisa ukuthembeka kweemviwo zesatifikethi seMatriki sikazwelonke (NSC). Uluqinisekise uluntu ukuba Umalusi wazisiwe, kwaye esi siganeko asisayi kuchaphazela iziphumo zeemviwo zizonke, njengoko sibandakanya abafundi abambalwa bezikolo ezisixhenxe.

