Kuthiwa iMini Cooper ibiwe eRhawutni ifunyenwe eMpuma Koloni

Amapolisa aqinisekisile ukuba indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32 )ubudala ibanjwe ngenxa yokufunyanwa nemoto okukholeleka ukuba yaabiwa eRhawutni.

Le moto, iMini Cooper, ifunyenwe eMthatha ngoLwesithathu umhla wesibini (2) kuTshazimpunzi.

“Ukuqaphela kwamapolisa aseNgangelizwe ejongene nesikhalazo kwindawo yaseOrange Groove kukhokelele ekufumaneni imoto ekucingelwa ukuba ibiwe,” sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.

“NgoLwesithathu umhla wesibini (2) kuTshazimpunzi malunga necala emva kwentsimbi yesine (16:30) emva kwemini, amapolisa afika kwikhaya elithile ephendula isikhalazo. Ekufikeni kwawo, abona iMini Cooper ineepleyiti zokubhalisa zaseRhawutini. Berhanela imoto, basasaza iinkcukacha zayo baza bafumanisa ukuba inenombolo ye-CAS ebhalisiweyo ukususela ngenyanga yoMqungu ka-2024 eGoli.”

Umrhanelwa ubanjwe ngoko nangoko ngokuba nesithuthi ekukholelwa ukuba sibiwe. Kulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi waseMthatha kungekudala ngesityholo sokuba nesithuthi esicingelwa ukuba sibiwe ngokungekho mthethweni.

Umphathi wesithili sase-OR Tambo uMaj-General Norman Modishana uncome amagosa abandakanyeka kweli tyala “ngokuphaphama kwawo nangokuhlala ephaphile ngelixa esenza imisebenzi yawo yobupolisa”.

@Daily Dispatch

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
24.3 ° C
24.3 °
24.3 °
33 %
3.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA