Umqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo iBafana Bafana uHugo Broos ulibhengezile iqela labadlali abangamashumi amathathu anesibhozo(38) nazakuthi alicuthe ukulungiselela ukuhlungelwa kwendebe yeAfrica cup of Nations nezakubanjelwa eMorocco kunyaka ozayo ka2025 kulo uzayo unyaka midlalo leyo ezakudlalwa kwinyanga ezayo, uMzantsi iqubisana nelizwe lebhola ekhatywayo laseUganda nelaseSouth Suden.
Ubuyile kweliqela umdlali wangaphambili nowayesaku dlalela iMamelodi Sundowns uPercy Tau, omnye umdlali obuyele kweliqela ngumdlali odlala eMerika uBonginkosi Hlongwane, uTshegofatsa Nabasa odlalela iOrlando Pirates kanti noMvala weSundowns ubuyile kumonzakalo emva kokubuya sele efaka inqaku kwiqela lakhe iKabu Yellow.
Kukho nabadlali abatsha tsha kweliqela abo nguAshley Cupido, uNdamulelo Maphangule, uThabang Matuludi, osage Stephens, uYanela Mbuthuma.
Abanye abadlali ababuyileyo nguSipho Mbule, uMihlali Mayambela, uTshagofatso Mabasa.
Lizakucuthwa eliqela libe ngamashumi amabini anesithathu(23).
IBafana Bafana izakuthathana kuqala neqela lesizwe lasUganda ekuhambeni phambi kokuba baqubisane neSouth Suden ekhaya eKapa. Ukhumbule ukuba aBafana bagqibele ukudlala eNtshona Koloni kwiminyaka elishumi(10) yonke eyagqithayo.
uAshley Cupido, uDevin Titus nonozinti uSage Stephens bavuzwe ngokubizwa kweliqela emva kwegalelo labo lokuzimisela nokuphumelelisa iqela labo laseKapa iStellenbosch FC. UThang Matuludi noNdamulelo Maphamgule bona bathathwe kweliqela ngokuzibonakalisa ingakumbi ngexesha bezijule ijacu ngethuba iPolokwane City isothusa iMamelodi Sundowns iyibetha ngenqaku elinye eqandeni(1-0).
Naba abadlali abakhethwe nguBroos beBafana Bafana ezintini bane(4) nguRonwen Williams, uRicardo Goss, uSipho Chaine noSage Stephens.
Abadlali bangasemva nguSydney Mobbie, uNkosinathi Sibisi, uThabang Matuludi, uThabiso Sesane, uKhuliso Mudau, uBradley Cross, uFawaaz Basadien, uSiyabonga Ngezana, uRashwin Dortley, uMothobi Mvala, Aubrey Modiba.
Abadlali basesiswini nguJayden Adams, uTeboho Mokoana, uThalente Mbatha, uSinoxolo Kwayiba, uLuke le Roux, uNdamulela Maphungule, uBathusi Aubaas.
Kubadlali baphambili kukho uPercy Tau, uTshegofatso Mabasa, uEvidence Makgopa, uElias Mokwana, uIqraam Rayners, uRelehobhile Mofokeng, uMihlali Mayambela, Patrick Maswanganyi, uOswin Apolies, uYanela Mbuthuma, Ashley Cupido, uBonginkosi Hlongwane, uThapelo Morena noSipho Mbule.
By Siphiwo Boqwana