By Olwethu Mabhala
Kumdlalo wamaqela weNdebe yeHlabathi yeFIFA yabaneminyaka engaphantsi kwe-17, uMzantsi Afrika ubujongene ne-Italy kumdlalo ophele I ngamanqaku amathathu kweli nye( Italy 3–1 South Africa ).
Ngaphandle kokubethwa, iqela loMzantsi Afrika libonakalise ukuzinikela, lityhala i-Itali ngokuzimisela nangobuchule kumdlalo wonke. Iziphumo zisenokuba khange zihambe ngendlela, kodwa ukusebenza kwabo ngokuzimisela kwimidlalo yabo egqithileyo kunye nokungaguquguquki, kubabeke ethubeni lokuqhubeka nohambo lwabo lweNdebe yeHlabathi.

