Izakuba ngunomji kumaqela amabini (2) nangawona bebonakala eqhube kakuhle kakhulu kulesizini ingakumbi iBrazilians zaseMzantsi.
Namhlanje umhla wokuqala (01) kwinyanga yeSilimela kumabala iMbombela kudlala amagqibela kaNkqoyi wendebe yakwaNedbank neyeyokugqibela kulesizini. Lamaqela mabini (2) nangoompondo zihlanjiwe awazukube eqala ukuphumelela indebe kulesizini.
IMamelodi Sundowns iqubisana neqela leOrlando Pirates ngentsimbi yesithathu (15h00) emva kwemini kumdlalo wamanqam.
Ngokwengxelo eqinisekiswe ngumqeqeshi weSundowns uRulani Mokwena umdlali wasesiswini weliqela nowayesa kudlalela iPirates uThembinkosi Lorch akazukuba khona kulomdlalo ngenxa yokufumana ukonzakala, uMokwena ukwavakalise ukuba esinye isizathu sokungabikho kukaLorch kukungakwazi ukuziphatha, utsho esithi udanile ekwaphoxekile sesisenzo ebengasilindelanga kuye.
UThembinkosi ubonwe kwividiyo ebithe ndii kuInstagram nalapho ebejayiva namantombazana amabini angachazwanga, nendlela ebeyenza ngayo khange imxolise kwaphela umqeqeshi uRulani.
UThembinkosi Lorch ufumene ukonzakala kumdlalo ebewudlala neStellenbosch FC waze akabikho kwimidlalo emibini (2) yokugqibela yeDSTV Premiership ngethuba bequbisene neTS Galaxy kwakunye neCape Town City.
Lo mdlali usezakufumana utyando ngokutsho kukaMokwana kunjalo nje uyakuphinda alungele ukudlala kwisizini ezayo.
Ukungabikho kukaLorch kulomdlalo lilishwa kwiqela leSundowns nanjengoko ebezakudlala neqela ebesakulidlalela abe kakade esenza kakuhle ewafaka namanqaku.
By Siphiwo Boqwana