Liqale kakuhle kwiCaf Champions ligi iBhakabhaka ngethuba liphumelela ekuhambeni umdlalo wokuqala

Iyiqale kakuhle imidlalo yayo yeCaf Champions ligi iOrlando Pirates emva kokuphumelela umdlalo wayo wokuqala(1) ngamanqaku amabini kwelinye(2-1) ekuhambeni eAlgeria ngethuba bebetha iqela lalapho iCR Belouizdad kugroup C.

IPirates ifakwe neliqela iCR Belouizdad neAl Ahly yaseEgypt neliliqela elijongwe ukuba lizakugqigqisa kulegroup lihlale kwindawo yokuqala(1). Ibe nguMohau Nkota onamashumi amabini(20) ubudala othe wafaka omabini(2) amanqaku kwisiqingatha sokuqala(1) somdlalo.

Ibe nguKhanyiso Mayo ofake inqaku lokubuyisela emdlalweni iqela lakhe elitsha iCR Belouizdad kumzuzu wamashumi amathandathu anesithandathu(66) kwisiqingatha sesibini(2) somdlalo. UMayo ungene kwisiqingatha sesibini(2) somdlalo nalapho ethe wazibonakalisa hayi nje mgokufaka inqaku kwayena ebesisiquququ kubonakala ukuba ulambile unxanelwe impumelelo.

Kwisiqingatha sesibini(2) somdlalo bekunzima kwbhakabhaka becela ukuvulelwa ezimpondweni abafana basekhaya benkqonkqoza oko kuSipho Chaine nobevalile ngasermva kodwa amatyeri amaninzi eliqela likaKhanyiso liwayekile amathuba amaninzi apho ngebelinganise amanqaku kungenjalo ngebekwazile nokuphumelela nangona kunjalo kwisiqingatha sokuqala nazo ezimnyama ngenkani ziphose amathuba amahle kodwa amaxesha amaninzi kungothulelwa umnqwazi unozinti weliqela.

Kwelinye icala kwakulegroup kaC iAl Ahly ibhaxabule iqela iStade Abidjan yaseIvory Coast ngempama lona eliqela laphendula ngocikicane(5-1) ngelinqaku linye lifakwe ngeliqela ibe yimbali kuba kokokuqala(1) kufakwa inqaku kwiCaf Champions ligi kweliqela laseJiphethe kwimidlalo elishumi elinesithathu(13) lemidlalo yoluphuphiswano.

IAl Ahly ziinjinga ezikhuselayo zeCaf Champions ligi kunjalo nje bayiphumelele lendebe izihlandlo ezilishumi elinesibini(12). Umdlalo olandelayo iOrlando Pirates izakuhlinzeka iqela lebhola ekhatywayo lamaJiphethe iAl Ahly ngomhla wesixhenxe(07) kwinyanga ezayo yoMnga. Nalo iqela laseSuden iAl Hilal njengePirates liphumelele umdlalo wayo wokuqala(1) ekuhambeni ngethuba bebetha IYoung Africans kowayo eTanzania ngamanqaku amabini kwiqanda(2-0).

IAl Hilal yaseSuden kuzakunyanzeleka iyidlalele ngaphandle yonke imidlalo yayo ngenxa yemilo eqhubekayo kwilizwe labo iSuden.

Umqeqeshi wezimnyama ngenkani uJose Riveiro ulincome kanobomi iqela lakhe ngokuphumelela umdlalo ekuhambeni nangendlela elidlale ngayo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.1 ° C
16.1 °
16.1 °
92 %
4.2kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA