UMasipala waseNyandeni uzise i-intanethi yasimahla kwiilali zasemaphandleni eMpuma Koloni, wafaka kwiindawo ezithile zeWiFi zikawonke-wonke ezilikhulu neshumi elinesihlanu you (115) kuquka ezikolweni, kwiikliniki, kwiiofisi zebhunga lemveli nakwezinye iindawo zikawonke-wonke.
USodolophu uViwe Ndamase ubhengeze ukuqaliswa kweNgqungquthela yoLwazi noNxibelelwano (ICT) kamasipala, ebibanjelwe eDan’s Country Lodge eMthatha.
UNdamase uthe le projekthi yenzelwe ukuvala umsantsa phakathi kwabantu abanokufikelela kulwazi neenkonzo kunye nabo bangenalo.
“Indawo yethu yasemaphandleni kunye nendawo esikuyo akufuneki isilele. Singumasipala wenkulungwane yamashumi mabini ananye (21st Century) ozimisele ukuqinisekisa ukuba abantu bethu baqhagamshelwe,” utshilo.
Iindawo eziziHOTSPOST sele zisetyenziswa. Ezinye iilali zineendawo ezingaphezu kwesinye kuba imfuno iphezulu.
“Iindawo ezizi Hotspot zikhona, ziyasetyenziswa njengoko sithetha. Asikho apha ukuqala. Sele siqalile. Lo ngumsebenzi oqhubekayo,” utshilo uNdamase umethetha nabeendaba I-SA News.
Umasipala usebenzisane namaqabane aquka i-Arhente yoKhuseleko loLuntu yaseMzantsi Afrika (SASSA) kunye neofisi yenkulumbuso.
Abemi bafaka izicelo zemisebenzi, bathumela ii-imeyile, bafumana ulwazi kwaye baqhuba amashishini amancinci.
UNdamase uthe ukufikelela kwi-intanethi ngoku kuvakala njengenkonzo esisiseko kuba abantu bayaqaphela xa ilahlekile. Umasipala uceba ukukhulisa inethiwekhi ukuze iilali ezininzi zikwazi ukunxibelelana.
Igosa le-ICT le-South African Local Government Association (SALGA) uMalungelo Mtati naye uthethe kwingqungquthela. Uthe i-intanethi engcono inokunceda abantu badale amathuba abo kwaye baqalise iiprojekthi zabo kunye namashishini abo.
UMtati uthe oomasipala kufuneka baphucule iinkqubo zabo zedijithali ukuze zisebenze ngcono kwaye zikhonze uluntu ngokukhawuleza.
Uthe uluntu akufuneki luboyike ubukrelekrele bokwenziwa, kwaye wabongoza abemi ukuba bathathe inxaxheba ekwakheni ubuchwepheshe bendawo ngelixa behlengahlengisa utshintsho oluziswa yiyo.

