Abahlali baseNelson Mandela Bay baza kudibana nabasemagunyeni.

By Ayabonga Ntengu

Ngokutsho kwejelo lezendaba iHeraldlive, abahlali baseNelson Mandela Bay balungiselela ukunxibelelana namalungu ePalamente eMpuma Koloni nanjengoko urhulumente esisa ipalamente yephondo kwesi sixeko.

Inyathelo lokusa iNdlu yoWiso-mthetho ebantwini liqala namhlanje ngoLwesibini umhla wamashumi amabini anesibini kweyeDwarha 2024, kwaye liqhuba de kube nguLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesihlanu kweyeDwarha 2024.

Unxibelelwano luya kuba kwiHolo yoLuntu yase-Ernest Swanepoel, e-Despatch.

Abahlali bangamamela, baphakamise imiba kwaye babuze imibuzo malunga neengxelo eziza kuthi thaca kumasebe ohlukeneyo karhulumente.

Usomlomo wendlu yowiso mthetho uHelen Sauls-August uthe amalungu ePalamente kunye namagosa akulungele ukubamba iingxoxo eziqinileyo nabahlali baseBay.

“Silindele ugqatso olukhulu kuba kukho uchulumanco kutyelelo lwethu oluphuma kumacandelo neewadi ezahlukeneyo.

“Zonke iinkqubo ziyahamba, amaqela ezopolitiko azakuba elungiselela iveki ezayo.”

USuls uthe okokuqala, iiMPL zizakuthi thaca iingxelo zonyaka ezivela kumasebe ohlukeneyo ukukhuthaza ukuphendula.

“Siqala ngqa ukuzisa oku endlwini,” utshilo uSauls-August.

“Iya kuba yimini ende yonke imihla.

“Ekuseni, iingxelo zesiqhelo ziya kubekwa etafileni ukuze kuxoxwe, ukuze ke kwiseshoni yesibini eza kuba emva kwemini, kuthiwe thaca iingxelo zonyaka.”

USuls-August uthe kubalulekile ukusa ipalamente ebantwini ukuze abahlali baveze imiba bafumane iimpendulo okanye uncedo.

“Eli iza kuba liqonga lokuvumela uluntu ukuba luvakalise imiba yalo.

“Asizisi iiMPL kuphela kodwa isigqeba siphela ukuze baphendule ebantwini.”

Uthe i-Despatch ikhethwe njengendawo kuba ibingafane ifumane ithuba lokusingatha iinkqubo zikarhulumente.

Ebuzwa malunga neenkxalabo zokhuseleko ezifana noqhanqalazo lokuhanjiswa kweenkonzo, uSauls-August uthe: “Ukhuseleko luhlala luxhalabisa.

“Sinesicwangciso sokuqinisekisa ukuba wonke umntu ukhuselekile kwaye siza kuzama ngako konke okusemandleni ukusombulula imiba yoluntu ukuze kungabikho luqhanqalazo oluphazamisa inkqubo yale veki.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA