27.7 C
King William's Town
Sunday, February 9, 2025

Abahlali basePort Alfred balumkiswe ngobuqhophololo

Amapolisa kwisithili saseSarah Baartman avakalise inkxalabo yawo kukwanda kwamatyala obuqhophololo kwi-Intanethi ePort Alfred

Isithethi samapolisa uKapteni Marius McCarthy uthi kwezi veki zintandathu bavule amatyala ali-14 apho amaxhoba ethathelwa imali zabi ngondlela mnyama ngendlela efanayo.

Uthi onke amaxhoba afowunelwa kwiiselula zawo exelelwa ukuba kukho ubuqhophololo obuqhubekayo kwiiakhawunti zabo zebhanki.

Ngokwengxelo yamapolisa, abarhanelwa bebenazo zonke iinkcukacha zamaxhoba nto leyo eyenza ukuba iminxeba ibonakale isemthethweni.

UKapteni McCarthy uthi lo mntu ebefowuna emva koko uya kucela amaxhoba ukuba aqinisekise iinombolo zawo zezazisi ze abanike nenombolo ye-time-pin (OTP).

Uthi kungekudala, imali iza kutsalwa kwiiakhawunti zabo.

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uNjengele Zolani Xawuka ubongoza uluntu ukuba lulumke xa luthenga izinto kwi-Intanethi kwaye lungamkeli naluphi na uncedo oluvela kubantu ababukeleyo xa bekhupha imali kwi-ATM.

Uthi amaqhophololo angatshintshisa amakhadi ngaphandle kokuqapheleka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
27.7 ° C
27.7 °
27.7 °
41 %
3.5kmh
11 %
Sun
25 °
Mon
18 °
Tue
26 °
Wed
37 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks