Kubhubhe abantu abahlanu kwingozi yemoto kuhola wendlela uR75 phakathi kweKariega neGraaff-Reinet. Isithethi sezoThutho ephondweni u-Unathi Binqose uthi le ngozi yenzeke ngenjikalanga yangoLwesine ngaseWolwefontein. Uthi iToyota Prado ebikhwele abantu abane ingquzulane neVW Jetta, nayo ibinabantu abane. UBinqose uthi ezimoto ziye zabhukuqa zatsha. Uthi amadoda amathathu kunye nomkhweli obhinqileyo omnye kwiJetta batshe ngendlela engaqondakaliyo ngelixa owasetyhini obekhwele kwiPrado naye ebhubhile. Amadoda amabini kunye nomnye owasetyhini bakwazile ukuphuma kwiPrado bafumane umonzakalo. Esinye isigulana sabalekiselwe kwiSibhedlele seCawe’s Valley eKirkwood ngelixa abanye ababini basiwe kwisibhedlele saseCuyler eKariega. Amagama amaxhoba akakaziwa kwaye livuliwe ityala lokubulala ngoku ngenanjongo.
Abantu abahlanu batshe ngendlela engaqondakaliyo kwingozi eyenzeke kuhola wendlela u-R75
Newsletter Subscription
- Advertisement -
King William's Town
clear sky
14.6
°
C
14.6
°
14.6
°
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14
°
Wed
32
°
Thu
32
°
Fri
33
°
Sat
22
°

