By Siyakholwa Vuso.
Abahlali bakuTsomo bebebambe umngcelele besiya kwii-ofisi zikamasipala.
Abahlali bakuTsomo, ngaseKomani eMpuma Koloni, bebebambe umngcelele besiya kwii-ofisi zikamasipala befuna uphuhliso lwedolophu yabo.
UTsomo yenye yeedolophu ezincinci eMpuma Koloni ezineevenkile ezimbalwa.
Abaqhankqalazi bathi uqoqosho lwale dolophu luya lusiba buthathaka kwaye bamemelele ukuba kufakwe iTha kwindlela yegrabile eya eCumakala, kulungiswe imibhobho yamanzi kugqitywe amaphulo afana nerenki yeeteksi.
Inkokeli yezoshishino uSima Qwele uthe maninzi kakhulu amaphulo angekagqitywa kwaye abantu badiniwe kukulindela imisebenzi.
“Abantu bakhathazekile. Kunqabile ukufumana iprojekthi egqityiweyo ngexesha. Uninzi lwabantu luxhomekeke kwezi projekthi zincinci zikamasipala ngomsebenzi. Incinci kakhulu iTsomo, ineevenkile ezimbalwa. Iswele nditsho iibhanki. Abantu kufuneka baye eCofimvaba, eKomani okanye eGcuwa ukuze bafumane iinkonzo ezininzi,” utshilo uQwele.
Uthi abahlali bathathe isigqibo sokumatsha ukuya kwii-ofisi zikamasipala kuba bevile ukuba kukho umntu ophuhlisayo ofuna umhlaba wokwakha iivenkile, ngoko ke bafuna umasipala abanike lo mhlaba.
“Esikuqondayo kukuba lo mphuhlisi uzakuzisa imisebenzi emalunga namakhulu amathathu namashumi amahlanu (310) kulutsha lwaseTsomo,” utshilo uQwele.
Umhlali uSiphosethu Mancotywa uthe, “Njengoko ubona, umyinge wamashumi asithoba ekhulwini (90%) wabantu balapha baselula. Asiphangeli. Sidinga imisebenzi.”
Uthe zininzi iiprojekthi ezaqalwayo kodwa azikagqitywa, watsho esalatha kwiziko le-R23 yezigidi, elineenjongo ezininzi elaqalwa ngo-2015 kwaye alikagqitywa.
“Ikontraka yokuqala yemmka, kwalandela enye ikontraka kunyaka ophelileyo. Batshabalalisa yonke into eyayakhiwe yikontraka yokuqala kwaye baqala ukusuka ekuqaleni. Kule minyaka isibhozo idlulileyo besilindele ukuba eli ziko ligqitywe ukuze sikwazi ukufaka izicelo zemisebenzi, nokuba ngumsebenzi wokucoca. Oko kuya kuthetha okuthile kwabo banethamsanqa. Kwaye iziko liya kuba luncedo kuluntu lwethu.
Kukho abantu abatsha abanetalente apha. Ekuphela kwento esiyicelayo kumasipala wethu kukuba ameme abatyali-zimali hayi ukubagxotha aba balapha ukuze baphuhlise idolophu. Kufuneka bafumane iindlela zokuzigcina,” utshilo.
Inkokeli yabahlali uHardy Mzimkhulu uthi uqoqosho lwakuTsomo lungakhula ukuba umasipala angabeka iTha kwindlela esuka kuTsomo ukuya eCumakala. “Leyo izakuba yindlela enqumlayo eya eMonti. Ishishini leeteksi lizakuxhamla kwaye kwande iimoto eziza kuza eTsomo,” utshilo.
Othethe egameni likamasipala we-IntsikaYethu uZuko Tshangana uthi umhlaba ophawulwe ukuba uphuhliswe uthengiselwe umakhi, nothe wafaka iiplani zokwakha. Kodwa izicwangciso bezingekavunywa kuba umakhi ebeceba ukungena kumhlaba obekelwe indawo yokupaka izithuthi zikamasipala. Umakhi uye wacetyiswa ukuba ahlaziye isicwangciso sakhe sokwakha, utshilo uTshangana.
Abahlali banikezele ngememoranda zabo kuSodolophu uKhanyisa Mdleleni othembise ukuba uzakuziqwalasela izikhalazo zabo.