16.7 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Uphinde wagqejwa elingophiyo uTimothy Omotoso

By Ongezewe Ntondini.

UTimothy Omotoso nabanye atyholwa nabo bagqejwe olungatsitywa ntwala emva kokuba inkundla ephakamileyo ebihleli eGqeberha isikhabile kwakhona isicelo sabo izolo.

Bebefake isicelo befuna kubekelwe bucala ubungqina ngelithi ukuthathwa kwabo kwakunga hambisani nomgaqo siseko.

Inkundla yamatyala ivumelene neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) ukukhaba esi sicelo esenziwa nguOmotoso oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu (63) ubudala kunye nabanye abamangalelwa kwelityala abaquka uLusanda Sulani kunye noZikiswa Sitho (33).

Oku kuza emva kokuba lo kaOmotoso kudala efaka izicelo ezithi zibambezele ukuqhubeka kwelityala phambili ukusukela kwinyanga kuTshazimpuzi ka-2017, kuquka isicelo somhla we-16 kweyoMqungu kulonyaka umiyo 2024.

Oku kungunobangela woba amanye amangqina arhoxe kwelityala esithi aqhubekeka nobomi babo ngoku.

ULuxolo Tyali weNPA uthi igunyabantu loTshutshiso liyasamkela isigwebo senkundla esizoqinisekisa ukuba ityala liyaqhuba, kubizwe amanye amangqina ukuze kwenziwe ubulungisa ngakumaxhoba.

Esi sicelo sesinye sezicelo ezininzi ezafakwa ngulo mfundisi osengxakini natyholwa nabo kodwa nazo zakhatywa ngempumelelo.

Bajongene namatyala angamashumi amathathu anesibini (32) aquka ukunaniselana ngemali, ukudlwengula, nokuxhaphaza ngesondo.

Ityala kulindeleke libuyele enkundleni ngomhla we-09 kweyoMnga 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.7 ° C
16.7 °
16.7 °
90 %
1.2kmh
93 %
Mon
17 °
Tue
30 °
Wed
14 °
Thu
17 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks