By Siyakholwa Vuso.
IZiko lezeMpilo laseDutywa, apho igumbi lokutshisa inkunkuma litshiswe ngumlilo ngoMgqibelo, alinaso isiqinisekiso esisemthethweni esithotyelwayo.
Emva kokuba umlilo utshise igumbi lokutshisa kwiziko lezempilo eDutywa, uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Kapa uNtandokazi Capa uvumile ukuba eli ziko alinaso isiqinisekiso esisemthethweni sokuthobela umlilo.
Imozulu eshushu neyomileyo ibangele imililo eliqela kwiMpuma Kapa kutsha nje. NgoMgqibelo, umlilo wequbula ofikelele kwiziko lezempilo laseDutywa, ubangele ukuba igumbi lokutshisa livuthe. Nangona kunjalo, umonakalo ongakumbi kweliziko uye wathintelwa, kwaye lisasebenza.
Kwesinye isiganeko kwangalo mini, amakhaya alishumi ebesele elungisiwe asetyenziswa ngabasebenzi kwisibhedlele iHoly Cross eFlagstaff nawo atsha kumlilo wequbula.
Igumbi lokutshisa iziko laseDutywa likufuphi nezakhiwo ezinkulu ezisetyenziselwa ukugcina izitya ezinokutsha.
Abasebenzi bezempilo kunye nezigulana kweli ziko bachaze indlela “abaphume ngayo” ukucima umlilo, besoyikela ukuba ungafika kwitanki yamafutha ekufutshane.
Umhlali waseDutywa oncedise ekunqandeni lo mlilo uthe, “Amatanki amafutha kunye nejenareyitha kufuneka zibe kude kwiiwadi nezakhiwo ezixakeke ngabantu ukunqanda iintlekele. Ingakumbi ezibhedlele kuba kukho abaguli abangakwaziyo ukuhamba okanye ukuqhwesha xa kukho ilangatye kwiiwadi zabo.”
Inkokeli yeSouth African Federation of Trade Unions (SAFTU) eGqeberha, uMzikazi Nkatha uthi ukuthotyelwa kwemigaqo bekusoloko “kuyingxaki” kweli sebe.
“Umba wokuthotyelwa kwemigaqo ubusoloko uyingxaki kwisebe,” utshilo uNkatha. “Bayaqhubeka besithi oku kungenxa yokuthotywa kohlahlo lwabiwo-mali olwenziwa ngurhulumente kazwelonke, kodwa abawuthobeli umthetho. “Ngekwenzeke ntoni ukuba itanki yamafutha kunye nejenereyitha bezitshile ngumlilo?”
Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uMkhululi Ndamase uthi yomibini imililo ibangelwe kukutsha kwamadlelo. Uthe kuthathe iinzame zabasebenzi, izigulana, kunye namalungu oluntu ukucima yomibini imililo.
Uthi abacimi-mlilo kumasipala wesithili i-OR Tambo kunye neAlfred Nzo bancedise kumlilo wesibhedlele iHoly Cross eFlagstaff. Akukho mntu wonzakeleyo, utshilo.