Iqela leentombi zamaZulu libambe uqhankqalazo ngaphandle kwenkundla kamantyi eVereeniging nanjengoko kulindeleke ukuba kuvele abarhanelwa abahlanu abatyholwa ngokubulala amagqiyazana amabini.
Eli qela libanjwe ngoLwesithathu kwaye lijongene nezityholo zokuxhwila imoto, ukuxhwila kunye nokubulala.
UNontokozo Mazibuko kunye noAndiswa Sontangane, bobabini basePoortjie, kumazantsi eRhawuti, babikwa bedukile ngobusuku obandulela unyaka omtsha.
Kwiintsuku ezisibhozo emva koko, imizimba yabo yafunyanwa kwithafa elivulekileyo kwakuloo ndawo.
Amapolisa abambe iqela lamadoda ayanyaniswa nokubulawa kwabantu e-Evaton ngoLwesithathu eGermiston.
Inkundla isezakukhupha isigwebo malunga nokuba amajelo eendaba azakuvunyelwa kusini na ukuba asasaze inkqubo

