I-ATM icebisa urhulumente ukuba axhase amashishini okuhlala athunga ii-uniforms zabafundi

Iqela lezopolitiko i-ATM lihlaba ikhwelo kuRhulumente ukuba akhe axoze mphini wumbi kwiimeko zokukhawulelana netswela ngqesho. Eliqela lithi uRhulumemte makancedise amashishini asekuhlaleni ngezixhobo ezizizo nezaneleyo ukuze lamashishini akwazi ukuvelisa iimpamhla zesikolo zabafundi.

Kaloku sithetha nje uMzantsi Afrika ume kumyinge ka58.5 % wolutsha olungaphangeliyo ntoleyo ekhokelela kunyuka kwezinga lolwaphulo mthetho kunye nendlala. Bangaphaya kwezigidi ezilishumi elinesithathu (13M) nyaka no nyaka abafundi abathi badinge II-uniform zesikolo, nexabiso lazo lifikelela kumawaka ezigidi zerandi (Billions).

Eliqela lithi licebisa ukuba iimpahla zesikolo ngasinye nengqingqi okanye iWadi sibenamashishini okuhlala avelisa ezimpahla hai ukuba zithengwe kwiidolophu ezikude okanye kwiivenkile ezinkulu. Ukanti xa elonyathelo lino kuphumelela oko kunganemiphumela emihle yokudala amathuba emisebenzi kuquka nokukhula koqoqosho. Kananjalo lombutho ukwahlaba ikhwelo nakubazali ukuba bathathe uxanduva ngemfundo yabantwana babo ngokulwa iinkampani zabucala ezithengisa ezimpahla ngamaxabiso aphezulu.

Ayilityalwanga nemo yokutyiswa kwabantwana ezikolweni, nanjengoko iATM icebisa ukuba imifuno neziqhamo mazithengwe kwiifama zabantu bokuhlala ukukhuthaza uluntu nengqesho.

Oku kuthethwe lilungu lePalamente lalombutho uVuyo Zungula ngethuba ephendula kuxwebhu lengxelo epapashwe yiKomishoni yezokhuphiswano kuleveki.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA