Abaqhubi bezithuthi banokulindela ukukhululeka ngakumbi kwamafutha ngoLwesithathu emva kokuba iSebe lezaMandla libhengeze ukuhla kwamaxabiso amafutha kaJanuwari.
Bathi omabini amnqanaba epetrol aya kunciphe nge-62c kunye ne-76C yelitha nganye, ngelixa idizili iya kuncipha nge-R1,24 iisenti ilitha nganye.
Nangona kunjalo, irhasi izonyuka nge-11c ngekhilogramu nganye.
Isithethi seSebe URobert Mahico uthi ukunyuka kwexabiso lerhasi kungenxa yamaxabiso orhwebo aphezulu kunye namaxabiso aphezulu e-butane.

