Uzakubanjelwa e ICC umngcwabo woburhulumente buka Gqirha Ngema

Abasemagunyeni KwaZulu-Natal baqinisekise ukuba umngcwabo okhethekileyo kaMbongeni Ngema wephondo uza kubanjelwa eNkosi Albert Luthuli International Convention Centre (ICC) ngoLwesihlanu.

I-Ofisi kaMongameli izolo ibhengeze ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa unike uNgema umngcwabo wodidi lwesibini oza kuquka imbeko yamapolisa.

UNgema ubhubhe kwiveki ephelileyo kwingozi yemoto eMpuma Koloni eneminyaka engama-68. Inkonzo yesikhumbuzo sakhe iza kubanjelwa ePlayhouse Theatre eThekwini ngomso.

Isithethi kurhulumente wephondo uBongi Gwala, uthi “INkulumbuso ithe iphondo lakwa Zulu Natal lenze isicelo kuMongameli ukuba ahlele umngcwabo kaGqr Ngema okhethekileyo ngenjongo yokubulela igalelo lakhe kuhambo olude nolubuhlungu lwenkululeko. INkulumbuso yongeze ngelithi nangona uGqirha Ngema eswelekile, esi senzo sikaMongameli sizakuthuthuzela usapho kunye nabemi abaninzi boMzantsi Afrika ngokuba ufumene umngcwabo onesidima.”

Kusenjalo, uMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uZizi Kodwa wenze imbeko kusapho lukaNgema, emva kokufika kwebhokisi yombhali wemidlalo yeqonga ongasekhoyo ephuma eMpuma Koloni kwiveki ephelileyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
23.4 ° C
23.4 °
23.4 °
35 %
6.3kmh
39 %
Mon
24 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA