By Nyameka Lamani
Amalungu eziko lokuyalela ukusebenza kwesithili (District Operational Command Centre-DOCC) aqhube imijikelo kumatyotyombe eVula Vala eMaletswai ngomhla wamashumi amabini anesihlanu(25)kweyeNkanga ka2025, ngentsimbi yesihlanu ngokuhlwa(5pm) njengenxalenye yeenzame zokuthintela ulwaphulo-mthetho.
Ngexesha lokujikeleza, badibene nendoda ekrokrisayo kwaye bayifumana inentsangu (cannabis). Oku kubangele ukuba bafumane umzi okufutshane ekurhanelwa ukuba uthengisa iziyobisi, nalapho baye baqhuba ugqogqo.Baye bafumana iingxowa zentsango ezilikhulu elinamashumi amathathu anesibhozo(138)ekucaca ukuba zixabisa malunga namawaka amabini anamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu(R2760)eerandi, kunye nesixa semali esingachazwanga. Umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesithoba(1 ubudala ubanjiwe.
Kwisehlo esahlukileyo kodwa kwakule ndawo, amapolisa afumene enye indlu apho umrhanelwa wasetyhini oneminyaka engamashumi amane anesibini(42) ubudala ebesonga intsangu. Bathatha iipasile ezilishumi elimesine(14) ezisongelwe ngephepha lentengiso kunye neplastiki emnyama ebinentsango, nto leyo ebangele ukuba abanjwe kwangoko. Bobabini abarhanelwa bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseMaletswai ngezityholo ezinxulumene nokuthengisa intsangu.
UMajor General Lindelwa Vellem, umkomishinala wesithili saseJoe Gqabi, uncome igqiza leDOCC ngomsebenzi walo okhawulezileyo leyo okhokele ekubanjweni nasekuthinjweni kweziyobisi. Ubalule ukuba izenzo ezinje zizisa umyalezo oqinileyo kubathengisi basesitalatweni ukuba le ndlela yokuziphatha ayisayi kunyanyezelwa kwiindawo abahlala kuzo.

