Amapolisa aKwaZulu-Natal adubule abulala abarhanelwa abane (4) ze bonzakalisa owesihlanu (5), oku kulandela udubulo eSydenham eThekwini ngoLwesithathu 17 kweyeKhala 2024.
ISithethi samapolisa, uColonel Robert Netshiunda, uthe amalungu eqela lezinto ezininzi, kunye noonogada babucala “basebenze ngobuntlola” malunga nokufunyanwa kwabarhanelwa abebefunelwa ulwaphulo-mthetho olwahlukeneyo oluquka ukuphanga imali nokubulala.
UNetshiunda uthe, amapolisa afumene abarhanelwa kwindlela iMoses Kotane ze ayalela ukuba imoto yabarhanelwa ime. Uthi umqhubi uye watyeshela imiyalelo yamapolisa kwaye abantu ebebekhwele kuloo nqwelo-mafutha bavulele ngembumbulu bebhekisa emapoliseni ngethuba bebaleka.
Ukwathe ngethuba lokudubulana, isithuthi sabarhanelwa siye santlitheka kudonga olukwikona yendlela iMoses Kotane kunye nendlela iBarns. Bobane abarhanelwa bafumene (4) amanxeba amasikizi.
Umrhanelwa wesihlanu uye waphuma kwisithuthi sihamba apho athe wadutyulwa wenzakala.
“Ufunyenwe enompu wabanjwa,” wongeze watsho.
Kufunyenwe imipu eliqela ngaphakathi kwisithuthi kubandakanya nompu okhutshwe ngamapolisa.
UNetshiunda uthe amapolisa afumanise ukuba abarhanelwa bebesendleleni eya kubulala indoda kunye noonogada ababini.
Wongeze ngelithi abarhanelwa bebefunwa ngamatyala okubulala abantu abaninzi ababandakanyeka kushishino lokwakha.

