Sekubomvu ukuba atyikitye neqela laseBelgium umdlali weBafana Bafana.
UMdlali weBafana Bafana uLebo Mothiba ugqibezele uvavanyo lwezempilo neqela lebhola ekhatywayo laseBelgium kwiPro ligi, iStandard de Liege.
ULebo oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ubudala uliflathele ilizwe laseFrance nalapho afince iisizini ezintandathu (6) kwiqela elikwiFrench ligi 1 iRC Strasborg Alsace neqela iLille waze kwabolekiswa ngaye kwiqela iESTAC Troyes.
UMothiba udlale nje imidlalo elishumi elinesithathu (13) kwiTroyes efaka amanqaku amabini (2) phambi kokuba afumane intlungu yokonzakala ekupheleni kunyaka ophelileyo ka-2023.
Lo mdlali weBafana udlale imidlalo engamashumi alithoba anesithandathu (96) wafaka amanqaku angamashumi amabini (20) ngethuba ekwiStrasburg.
ULebo Mothiba nowayesakuba ngumdlali wangaphambili weLille ebekhe wabonwa eNaturena engathi angatyikitya neKaizer Chiefs kananjalo ebekhe wayanyaniswa kakhulu neMamelodi Sundowns. Kodwa ngoku sele kubomvu ukuba azimanye neqela iLiege eBelgium kungentsuku zatywala.
Iqela lakhe elitsha ekungenzeka alidlalele iStandard de Liege ligqibe isizini ephelileyo likwindawo yeshumi (10) kuluhlu lamaqela ebhola ekhatywayo eBelgium kwiJupier Pro Ligi kwisizini esiphuma kuyo.
By Siphiwo Boqwana

