ISikhumbuzo sosuku lokuzalwa kukaNelson Mandela siyaqhuba.

Uyaqhuba sithetha nje umsitho wesikhumbuzo sosuku longasekhoyo, nowayesakuba nguMongameli weli loMzantsi Afrika uNelson Mandela kwilali yaseLudeke eBizana.

Kaloku lelali yileyo wazimanya ngeqhina lomtshato nongasekhoyo uMama uWinnie Mandela kwicawa yamawisile kwesisithili. Oluzuku noluzinyaswe ngabaPhathiswa abohlukileyo bephuma kumaSebe eliphondo aquka uMnu Zolile Williams ebambele iNkulu baPhathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane, uMphathiswa uBukiwe Fanta kunye noMphathi weZiko lolondolozo lwembali kaNelson Mandela uVuyani Booi.

UMphathiswa weSebe lezeMidlalo ubugcisa neNkcubeko ukwilali yaseLudeke kwiphulo losuku lukaMandela xa kuzakuthathwa uhambo olusingise kwiCawa yamaWisile apho wazimanya ngeqhina lomtshato noMama uWinnie Mandela.

UMphathiswa weliSebe uNkosikazi S Ngongo ukhokele oluhambo ekunye nesigqeba sakhe kusingiswe kwicawa yamaWisile.

Kananjalo kuzakunikezelwa ngokusesikweni izixhobo zokufunda kwizikolo ezithile eLudeke ukuze abahlali baxhamle ngolusuku.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA