27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Abarhanelwa abathandathu babnjwe nemipu engenaphepha-mvume kunye neziyobisi.

By Ongeziwe Mashumi

Amapolisa aseCookhouse abambe izigila mkhuba ezintandathu bephethe izixhobo zokuphanga kunye nemali ekukrokrelwa ukuba iphangiwe.

Ukusabela ngokukhawuleza kwamalungu akwiYunithi yokuPatrola eHighway eCookhouse kukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abathandathu (6) abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) namashumi amathathu nantlanu (35) eminyaka ubudala befunyanwa nemipu emibini kunye nokuthengisa iziyobisi ngempelaveki ku-N10 kufutshane neCookhouse.

Lo msebenzi uqhutywe yiCookhouse Highway Patrol kunye namagosa ezendlela ePhondo ngenjongo yokulwa nolwaphulo-mthetho eCookhouse. Baye bakhawuleza basabela kulwazi abalufumeneyo malunga neMercedes Benz ebisendleleni esuka eGqeberha ithutha iziyobisi. Emva koko basibona isithuthi kuhola wendlela uN10, ze bathi xa begqogqa isithuthi, amapolisa afumana imipu emibini (2) engenampepha-mvume (9mm neNorinco) kunye namashumi amathathu (30) epilisi zeMandrax. Amapolisa afumana nesixa-mali esingachazwanga, kunye nesithuthi njengoko sasetyenziswa ekwenzeni ulwaphulo-mthetho.

Abarhanelwa abathandathu (amadoda amane kunye nabasetyhini ababini) babanjwe babekwa ityala lokuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha kunye nokuthengisa iziyobisi. Aba barhanelwa bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi waseSomerset East ngoMvulo, umhla wamashumi amabnini anesihlanu (25) kweyeThupha 2024.

UMkomishinala weSithili saseSarah Baartman uMajor General Zolani Xawuka uwaqhwabele izandla amalungu abandakanyekayo ngokusabela ngokukhawuleza kulwazi ekwabelwana ngalo esithi ukuthutyeleziswa kweziyobisi kwaphazamiseka kwaye imipu engekho semthethweni yasuswa ezitalatweni, “Iziyobisi nemipu engenamaphepha-mvume zezona zinegalelo elikhulu kulwaphulo-mthetho olumandundu.” Uvale ngelo uMajor General Zolani Xavuka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks