ABARHANELWA ABATHATHU BABANJIWE NGOKUXHWILA IMOTO ETHWELE IMPAHLA.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo u-Major General Pumzile Cetyana uqhwabele izandla amalungu akuQumbu Vispol ngokusabela ngokukhawuleza kuxhwilo lweveni eyayithutha impahla waze wabamba abarhanelwa abathathu abangamadoda abaphakathi kweminyaka eyi-31 ukuya ku-38 eminyaka ubudala izolo, ngomhla we-27/06 malunga no-17H30 ixesha.

Amapolisa akuQumbu akhawuleza asabela kulwazi lokuxhwilwa kwemoto kwaye abona isithuthi esiqweqwedisiweyo kwingingqi yaseMachibini, kwindawo yoLawulo lwaseUpper Chulunca apho abarhanelwa abathathu bavalelwe ekoneni ngamapolisa bebaleka ngeenyawo kwindawo yexhwayelo beshiya isithuthi.

Amapolisa aye aleqa aze abamba bonke abarhanelwa abangamadoda abathathu, ze athi akubagqogqa afumana imipu emibini nembumbulu. Isithuthi esasiqweqwedisiwe safunyanwa nazo zonke iimpahla zaza zathinjwa ngamapolisa.

Abarhanelwa baye babanjwa babekwa izityholo zokuhlutha iimoto, ukuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha.

Aba bathathu bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuQumbu ngoMvulo umhla wokuqala (01) kweyeKhala 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA