By Siphiwo Boqwana
Elinye iqela lamanina ebhola ekhatywayo leBanyana Banyana elibhengeziweyo lizakudlala eGqeberha kwitumente yamanina yeCOSAFA.
Libhengeziwe iqela lebhola ekhatywayo leBanyana Banyana nelizakudlala imidlalo emibini yobuhlobo neNgilane kwakunye neDenmark, baphinde badlale nakwiCOSAFA yamabhinqa.
UDr Desree Ellis ubhengeze iqela labadlali abangamashumi amabini anesine nabazakundwendwela ngaphesheya kolwandle ukuya kudlala imidlalo yobuhlobo namazwe amabini aseEurope kulenyanga yeDwarha.
Kanti kukwabhengezwe nabadlali beBanyana Banyana abazakudlala kwindebe yeCOSAFA women’s Championship nelizakuqeqeshwa nguMaude Khumalo.
Ezinjinga zaseAfrika kumabhinqa kulindeleke ukuba badlale neqela lamanina aseDenmark elibekwa kwindawo yeshumi elinesibini kumanqwanqwa ehlabathi phantsi kombutho webhola ekhatywayo iFIFA ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule yeDwarha inyanga kumabala iAalborgh.
Umdlalo wesibini weBafana Bafana uzakuba ngomhla wamashumi amabini anethoba kwakulenyanga yeDwarha kumabala iCoventry Arena kwelaseNgilane neqela lesizwe lamagqiyazana eNgilane nebekwa kwindawo yesibini kwihlabathi nekwaziinjinga zaseEurope kumanina. Le midlalo mibini ngamalungiselelo endebe yaseAfrika nalapho izakube ikhusela iBanyana Banyana kunyaka ozayo u2025.
UThembi Kgatlane noAndile Dlamini babuyele kweliqela emva kokuphoswa ngumdlalo wobuhlobo weSenegal. Yena uDlamini uthatha indawo kaKatleko Molesane. UMmabatho Mogale noAsanda Hadebe nababekhona kweliqela kumdlalo ogqithileyo abekho kulomjikelo bafakwe kwiqela lamanina eCOSAFA nezakuthabatha inxaxheba eGqeberha.
UBongeka Gamede weUniversity of the Western Cape, uNoko Matlou noJermaine Seoposenwe ngabanye babadlali abangekhoyo kweliqela likaEllis. Kukho noSphumelele kweliqela lebanyana, kananjalo noNondumiso Manengela uzifumenele indawo emva kokuzibonakalisa kwiligi yamagqiyazana eHollywoodbets nakwiCaf Champions ligi yokuzibekela indawo. Kukwakho namawele kaShamase kweliqela lihambayo.

