19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

Akakafumaneki uNaidoo oxhwilwe eGqeberha

Ibutho looKhetshe eMpuma Koloni liqinisekise ukuba abaxhwili bengwonyela yendlu yezoshishino kumaspala ombaxa waseNelson Mandela Bay uKelvin Naidoo bafuna intlawulelo ukuze abuyiswe ekhuselekile.

UNaidoo, onguSekela Mongameli weNelson Mandela Bay Business Chamber, uxhwilwe ngaphandle kwendawo asebenzela kuyo eLindsay Road eGqeberha ngentsasa yangoLwesihlanu.

Isithethi sooKhetshe, uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi kufunwa intlawulelo, kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuxhwilwa. Amapolisa akazixeli iimali zentlawulelo

NgokukaMgolodela, iiHawks zithe gqolo “kwiinzwane” zizama ukufumana uNaidoo.

“Sifuna ukubongoza nabani na onolwazi ukuba eze ngaphambili,” utshilo.

UNaidoo oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala ongumvelisi kunye ne-Technical Executive ye-Auto X wamisa kwindawo yakhe yokusebenza malunga nentsimbi yesithamlndathu (6 am) kusasa e-Korsten, xa i-Nissan NP200, engena nombolo playiti, ingqubana nesithuthi sakhe simnyanzela ukuba amise.

Kusenjalo iingxelo zidiza ukuba kuye kwama enye iveni emva kwakhe kwabe kuphuma abarhanelwa abahlanu (5) bezogqume ngeebhalaklava bamkhupha uNaidoo kwiMercedes Benz yakhe.

Waphoswa kwinqwelo-mafutha ebalekayo baza abaqweqwedisi bakhe basaba kuloo ndawo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks