Kulindeleke ukuba kubanjwe umlindo wobusuku kwisixeko sakuGompo.
Kuzakuthatha iintsuku ezimbini umhl weshumi elinesihlanu (15) kunye nomhla weshumi elinesithathu (16) kuTshazimpunzi ukuze kufikelelwe kwisigqibo sesigwebo nxamnye nenkokeli ye-EFF, uJulius Malema.
Ngonyaka ka-2018, kwibala lemidlalo laseSisa Dukashe, i-EFF yabhiyozela iminyaka emihlanu (5) yayo. Ngemincili, inkokeli yeqela yakhupha umkhonw’ekati, ekutyholwa ukuba wasifumana kwenye kumkhuseli-Mkhosi, uAndriaan Snyman, yaza yasidubula emoyeni.
Ukanti ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo (2025), iNkundla kwaMantyi yakuGompo yamfumana uMalema enetyala, kodwa uAndriaan Snyman wafunyaniswa engaphulanga uMthetho woLawulo lweZibhamu.
Kurhanelwa ukuba abatshutshisi bakarhulumente bafuna ukugweba kaMalema iminyaka elishumi elinesihlanu (15) ethothoza entolongweni.
INkundla kaMantyi yakuGompo yamfumana enetyala lokuba nesibhamu nokudubula esidlangalaleni.
Kulindeleke isihlwele esikhulu esivela mbobo zone zeli loMzantsi Afrika sizokubonisa inkxaso yaso kwinkokeli yeqela.
Kulindeleke ukuba umlindo uqale ngentsimbi yesithandathu (18:00) emva kwemini ngoLwesibini, umhla weshumi elinesine (14) kuTshazimpunzi. Uza kubanjelwa kwibala lezemidlalo iJan Smuts, ekwisixeko saKuGompo.

