Umakazi utyholwa ngokubulala umtshana wakhe oneminyaka emi-6 ubudala, ekuthiwa wamxhwila eMotherwell

Intombazana yaseMotherwell u-Abigail Prins oneminyaka emithandathu (6) ubudala, ekuthiwa yathinjwa ekhayeni layo ngomhla wamashumi amabini anesibini (22) kuTshazimpunzi, yafunyanwa engcwabeni elingekho nzulu eSt George’s Beach ngoLwesihlanu, umhla weshumi (10) kuTshazimpunzi.

Umakazi wakhe uChristine Prins oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala kunye nesoka lakhe uTeboho Ramanke oneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ubudala bavele ngoMvulo, umhla weshumu elinesithathu (13) kuTshazimpunzi, kwiNkundla kaMantyi yaseMotherwell betyholwa ngokumbulala.

Inkundla ive ukuba abatyholwa ababini bajongene namatyala okubulala; nangona kunjalo, uChristine ujongene namatyala okuxhwila emva kokuba ethe wathabatha umtshana wakhe ngaphandle kwemvume yodadewabo, uJoline Prins, ngeCawa kusasa, umhla wamashumi amabini anesibini (22) kweyoKwindla ka-2026.

Kwingxelo, isithethi senkonzo yesipolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthe, “Abaphandi be-FCS balandele ulwazi malunga nabantu ababini abanomdla ekukholelwa ukuba baseMakhanda. Oluphando luqalisiwe, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwebhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala kunye nendoda elineminyaka engamathathu ananye (31) ubudala. Abatyholwa emva koko bathunyelwa eGqeberha ukuze baphande ngakumbi.”

Aba babini bathe enkundleni ukuba abanao amanye amatyala angaphambili okanye amatyala alindileyo.

Inkundla ive ukuba ukuqinisekiswa kweedilesi kunye nophando malunga nokuba ngaba babini babenazo naziphi na izigwebo zangaphambili okanye amatyala alindileyo kusaqhubeka.

Ityala limiswe de kube ngumhla wamashumi amabini (20) kuTshazimpunzi ukuze bafake isicelo sabo sebheyile ngokusesikweni. Bobabini basagcinwe entolongweni.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
30.1 ° C
30.1 °
30.1 °
25 %
2kmh
57 %
Tue
27 °
Wed
21 °
Thu
28 °
Fri
31 °
Sat
25 °

EZITHANDWAYO INDABA