By Asemahle Mbete.
INyanga kaTshazimpuzi iphawula iNyanga yeSizwe yoKwamkelwa kwe-Autism. U-Gwarube uthi abantwana abaneemfuno ezi zodwa kufuneka baxhotyiswe ngezakhono zokuphila ubomi obunesidima.
“Njengoko singekho apho kufuneka sibe khona, ndicinga ukuba ukuqonda ukuba kufuneka kubekho imfundo ebandakanyayo kwilizwe lethu, elungiselela abafundi abaneemfuno ezi zodwa yinto ephambili. Kuba iphupha lam kukukwazi ukubona umntwana esiya esikolweni – nokuba uneemfuno ezi zodwa, ufumane isakhono, ufumane isatifikethi esithi lo mfundi ufumene obu buchule.”
“Bayakwazi ukuya emsebenzini, bayakwazi ukuphila ubomi besidima ngokwabo apho bengaxhomekekanga kwiintsapho zabo ubomi babo bonke, loo nto ngamandla okudala i-zikolo ezibandakanya bonke abafundi.”

